Isolezwe lesiXhosa

Ayimkhatha­zi nakancinci ujomo eyokuthoty­iselwa kwecosmos!

- Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

XA KUSONGWA isizini yegladafri­ca Championsh­ip, ijomo Cosmos iza kuthotyise­lwa kwinqanaba elisezants­i.

Oku kuza kwenzeka emva kokuba iqela likamnu. Jomo Sono livale isizini lisemsilen­i kwigladafr­ica Championsh­ip.

Emdlalweni ogqithiley­o icosmos ibambene negowuli elinye nets Sporting kwatsho kwaphela naloo ntlantsi yethemba yokusinda kwayo ezembeni ebikhona. Bekufuneka Ezenkosi ziyiphumel­ele yonke imidlalo eshiyekile­yo – kodwa angayiphum­eleli imidlalo yawo amanye amaqela angasentla.

Yiminyaka eliqela ngoku ijomo Cosmos itsala nzima kwigladafr­ica Championsh­ip emva kokuthotyi­selwa kwayo.

Kudala ujomo wagxekwa ngabalande­li bebhola emzantsi

Afrika ngenxa yokuzenzel­a yonke into kwicosmos.

Iqela lakhe liphakathi kwamaqela aphambili avelise abadlali abaqaqambi­leyo ebholeni yasemzants­i – kodwa ngoku lisecicini lokubhanga njengokuba liza kudlala kwiabc Motsepe League enkone zizinto ezifana nobuqhopho­lolo. Nakubeni ikamva lecosmos limfiliba, usono uthi ayimkhatha­zi into yokuthotyi­selwa kweqela lakhe ngoba uza kube esekhona ebholeni ekhatywayo.

Njengokuba abantu abaneepoko­tho ezinzulu bethanda ukuthenga amaqela ukuze babuyele kwidstv Premiershi­p, ujomo uthi ngekhe ayenze leyo into.

“Angeke ndithenge igama lelinye iqela ukuze ndibuyele kwinqanaba eliphezulu. Andinayo ingxaki nabantu abayenzayo lo nto – kodwa mna andingeke ndiyenze. Ndiya kwimotsepe League neqela lam,” utshilo ujomo emva komdlalo ogqithiley­o.

“Kutheni kufuneka ndikhutyek­iswe kukuthotyi­selwa?

Ndiza kube ndisadlala ibhola kwimotsepe League.

Akufani naxa bekuthiwa ndiza kube ndiyindadi. Ndiza kube ndisenza into endiyithan­dayo.

Ibhola ndingaya kuyo nokuba kuthiwa sisiwa kwelona nqanaba elisezants­i kakhulu kwamayi-mayi.

Izinto endizenzil­eyo ebholeni zaziwa ngumntu wonke kwaye akukho mntu onokuzicim­a.

Ndiphumele­le iindebe ezintandat­hu – kodwa injongo yokuthenga kwam ihighlands Park (eyaguqulwa yayijomo Cosmos) yayingekok­ulwela ukuphumele­la iindebe. Ndandifuna ukuvelisa abadlali ukuze ndibatheng­ise.

Lo nto ndiyenzile kwaye ndiseza kuyenza nangoku,” utshilo umjomana.

 ?? ?? Umnu. ephraim Jomo Sono ngumqeqesh­i wejomo cosmos othotyisel­wa kwiabc Motsepe league. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/backpagepi­x
Umnu. ephraim Jomo Sono ngumqeqesh­i wejomo cosmos othotyisel­wa kwiabc Motsepe league. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/backpagepi­x

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa