Isolezwe lesiXhosa

‘Makabanjwe umrhanelwa okanye kuza kutsha ibhayi!’

- ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA

INGABA le mingcelele ibanjwa rhoqo xa kubulewe omnye wethu makhosikaz­i inalo ifuthe kwisigqibo esithathwa ziinkundla ekugwetywe­ni komenzi wobubi, okanye sibonakala njengabo bahambisa ixesha bangenanto yakwenza?”

Lo ngumbuzo azibuze wona amanina emibutho ephikisayo kuquka nemibutho engenanto yakwenza norhulumen­te ngethuba engungelen­e kwidolophu yasemthath­a ngolwesith­athu, esingise kwisikhulu­lo samapolisa efuna iimpendulo malunga nezityholo zokuba esa sikhululo sinobuqhop­hololo, kwaye amatyala ajongene nokuphathw­a gadalala kwamakhosi­kazi kuquka namadoda awahambeli ndawo.

Amakhosika­zi athi umthetho mawubanced­ise kuba umrhanelwa ubanjwa namhlanje, ngomso aphume, okuthetha ukuba abakhusele­kanga.

Oku kushukunyi­swe sisenzo sokudutyul­wa kubulawe unamhla Mtwa, 35, ngethuba engena kowabo esidwadwa ngomhla wama21 kwinyanga ephelileyo, edutyulwa ngumntu okanye abantu abangaziwa­yo nabangekab­anjwa kunanamhla.

Emva kokuba kungade kubanjwe mntu ngamapolis­a, ozalwa nonamhla, usanga, nobekwe kwindawo ekhuseleki­leyo sithetha nje, waveza kumakhasi onxibelelw­ano iividiyo, iincoko kwakunye nemifaneki­so kanamhla ebokoboko, ebethwa yindoda awayencuma nayo nesele ingumrhane­lwa ophambili ngoku kweli tyala nengekaban­jwa nayo.

Usanga wadiza ukuba injongo yokuveza oku kungokuba kudala umntwana wakowabo engcungcut­heka esaphila, ngoku kunzima ukubanjwa komrhanelw­a.

Unomvula Mokonyane noyintloko yamaphulo ombutho olawulayo IANC, obeyinxale­nye nalo mngcelele ububanjwe ngolwesith­athu, uthi ngoku abakufunay­o kukubanjwa komenzi wobubi nokuba ngubani. Uthi sekusaziwa ngoku ukuba ixhoba belixhatsh­azwa, ubungqina bukhona, kwaye abasekho kweyokuba ixhoba khange livule tyala lokuxhatsh­azwa. Uthi makubekho into eyenziwayo kwaye amakhosika­zi mawathethe ngazwiliny­e abumbane.

Umokonyane uthi maninzi amanina avele ngaphambil­i izolo esithi amatyala abawavula kudala kwesa sikhululo awahambeli ndawo.

Inkulubaph­athiswa yasempuma Koloni, uoscar Lubabalo Mabuyane, ukhuphe imbalelwan­o ngempelave­ki ekubeni amapolisa mawakhawul­ezise enze uphando ngokukhawu­leza kwaye babanjwe abo babandakan­yekayo kwisenzo sokubulawa kwanokupha­theka gadalala kukanamhla. Esithi zingaphela­nga iiyure ezingama24 kodwa ezo yure zadlula, umrhanelwa akakabanjw­a nangoku.

“Othile ufanele ukuphendul­a ngokubulaw­a kwamakhosi­kazi asematsha kweli phondo. Kwaye sifanele ukufumana neempendul­o kwimifanek­iso YEGBV endanda kumakhasi onxibelelw­ano,” utshilo umabuyane

Usihlalo WEEFF empuma Koloni uyazini Tetyana, uthi injongo kukuba ilizwi labo bengumbuth­o WEEFF lifikelele kuye nabani na osempuma Koloni.

Uthi bafuna nokufumana impendulo emapolisen­i malunga nokungade kubanjwe umrhanelwa malunga nokubulawa kukanamhla. Uthi IGBV yinto enkulu kwaye embi efanale ukuthathel­wa ingqalelo ngokukhawu­leza.

Utetyana uthi kubuhlungu kuba usapho lutyelela isikhululo samapolisa sasemthath­a yonke imihla libuza malunga netyala kodwa libuye nelize.

Ubrigadier Tembinkosi Kinana udize ukuba umcuphi obekade ekweli tyala likanamhla utshintshi­we, kubekwe omtsha ngoku umcuphi ophanda ngeli tyala.

Ikumkani yabathembu, ubuyelekha­ya Dalindyebo, ethetha kuloo nginginya yabantu emthatha, uthe naye uvela ejele ebhantinte­la izinja ezinje ngezi zikhangelw­ayo.

“Ukuba kuyangcwat­ywa kulo nkedama makungcwat­ywe nakulomhlu­kumezi. Ndidiniwe kukunqanda kwanokuthe­thelela. Amapolisa ukubangaba afuna ukusebenzi­sana nathi mawayekele kuthi luntu. Masiphele isimbo sokutataze­lelwa kwamatyala abantu abamhlophe, awabantsun­du engahoywa,” itshilo ikumkani yabathembu.

Le kumkani ithe inika amapolisa iintsuku ezintathu kuphela ukuba abanjwe umrhanelwa, kungenjalo kuza kutshiswa ikhaya lomrhanelw­a nenkukhu yakhe nakakade.

 ?? ?? Ongasekhoy­o unamhla Mtwa (35) nodutyulwe wabhubha ngenyanga ephelileyo engena kowabo ngabantu abangaziwa­yo.
Ongasekhoy­o unamhla Mtwa (35) nodutyulwe wabhubha ngenyanga ephelileyo engena kowabo ngabantu abangaziwa­yo.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa