Isolezwe lesiXhosa

Usecicini lokuphuluk­ana nesihlalo usodolophu WEBCM

- JOHNNIE ISAAC

USODOLOPHU womasipala ombaxa ibuffalo City, uxola Pakati, usecicini lokuphuluk­ana nesi sihlalo emva kokuba IANC kule ngingqi ithe yonyula usekela Sodolophu uprincess Faku njengosihl­alo wombutho.

Ufaku wonyulwe kwinkomfa YEANC yale ngingqi neyaziwa njengedr WB Rubusana kumalungu kakhongolo­se emva kokuba usomashish­ini ulunga Nqam ebetyunjwe ngamasebe ethe warhoxa, evulela ufaku ukuba onyulwe kungayiwan­ga kuvoto.

Emva kokuba amasebe ale ngingqi ethe axoxa ngekamva LEANC nangolawul­o kumasipala IBCM, aphume nesiphakam­iso sokususwa kukapakati njengosodo­lophu ukuze anikezele iintambo kufaku okhokele umbutho kule ngingqi.

Ophinde wonyulwa njengonobh­ala waserubusa­na uantonio Carels uyalele isikhokelo SEANC empuma Koloni ukuba sithathe isigqibo nokuba asizukubal­ula ngalo mba.

Usekela Sihlalo WEANC kweli phondo, umlungisi Mvoko, uthi isigqeba esikhokele umbutho siza kulinda imbalelwan­o esemthethw­eni yaserubusa­na, kodwa wabuya wathi: “Ayisosigqi­bo sethu siliphondo ukususa oosodoloph­u kwaba masipala bambaxa, eso sigqibo seseqoqo eliphezulu kwianc, nelaziwa njengenec. Siza kuva xa sele besibhalel­e, thina siza kudlulisel­a loo mbalelwano kwinec.”

Ukanti ufaku uthi uyaqala ukuva ezimbalini ZEANC ukuba amanina akhethwe ade abe mathathu kwiqoqo elilawulay­o.

Usekela sihlalo ikwalinina ukayise Tom, kwanosekel­a nobhala usixolisiw­e Ntsasela.

Obefudula engunongxo­wa umalibongw­e Mfazwe uphinde wonyulwa okwesibini kwesi sikhundla.

“Nenze ngaphezu kobekulind­elekile, nonyula amakhosika­zi ade amathathu. Ndiyaqala ukuyiva into efana nale kwiimbali ZEANC,” uncome ngelo ufaku.

 ?? UMFANEKISO : JOHNNIE ISAAC ?? EKUQALENI: Umalibongw­e Mfazwe ongunongxo­wa, usixolisiw­e Ntsasela ongusekela- nobhala, uantonio Carels ongunobhal­a, ukayise Tom ongusekela sihlalo kwakunye nosihlalo wasew.b Rubusana uprincess Faku.
UMFANEKISO : JOHNNIE ISAAC EKUQALENI: Umalibongw­e Mfazwe ongunongxo­wa, usixolisiw­e Ntsasela ongusekela- nobhala, uantonio Carels ongunobhal­a, ukayise Tom ongusekela sihlalo kwakunye nosihlalo wasew.b Rubusana uprincess Faku.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa