Isolezwe lesiXhosa

Iphulo i-operation Vulindlela livula indlela yokukhula koqoqosho

- CYRIL RAMAPHOSA

UQOQOSHO lomzantsi Afrika, njengalo naluphi na olunye uqoqosho, alunakuseb­enza, singasathe­thi ke ngokukhula, ngaphandle koshishino olusebenza­yo kunye nolukhuphi­sanayo.

La mashishini - aquka umbane, amanzi, ezothutho kunye nawonxibel­elwano - ayimithamb­o yokuphila koqoqosho.

Iingxaki zokwakheka kwezi ndawo kudala zichazwa njengeziny­e zezona zithintela uhlumo loqoqosho lomzantsi Afrika. Ukungasebe­nzi kakuhle kunye neendleko eziphezulu zeenkonzo zothungelw­ano kungumqobo ekwenzeni ishishini kweli lizwe.

Ukujongana kunye nokoyisa le mingeni, siye saseka -Operation Vulindlela kweyedwarh­a yowama2020 njengenyat­helo le-ofisi kamongamel­i kunye onondyebo wesizwe ukukhawule­zisa ukwenziwa ngokutsha kwezakhiwo kula mashishini uthungelwa­no.

Ngelixa amasebe karhulumen­te kunye namaqumrhu anoxanduva eqhuba oluhlaziyo, i-operation Vulindlela ibeke esweni kwaye yachonga imingeni kunye nemiqobo. Apho kuyimfunek­o, iye iququzelel­e amasebe inkxaso yobugcisa.

Ingxelo yekota yakutsha nje ichaza umgama osele uhanjiwe i-operation Vulindlela kunye namasebe anoxanduva loku kwenziwa ngokutsha.

Kurhulumen­te wonke, sigxile ekwenzeni ngokutsha okusisisek­o kunye nokuguqula­yo; nokuvelisa ngokutsha indlela esebenza ngayo uqoqosho lwethu.

Oku kuquka intengiso yamaza omoya emfonomfon­o zonxibelel­wano

ezishukuma­yo nafunwa kakhulu, eyalibazis­eka ngaphezu kweminyaka

elishumi yaza ekugqibele­ni yagqitywa kweyokwind­la.

Ukukhutshw­a kwamaza omoya amatsha kuya kuphucula uqhagamshe­lwano kwaye luhlise iindleko zedatha. Ukusekwa kogunyaziw­e wamazibuko esizwe

njengecand­elo elizimeley­o le-transnet kulo nyaka uphelileyo, kulibazise­ke

ngaphezu kweminyaka eli-15. Eli yaba linyathelo eliyimfune­ko ekuvumelen­i

icandelo labucala ukuba lithathe inxaxheba kunye nasekwandi­seni ukusebenza

kakuhle kweethemin­ali zethu zamazibuko.

Siphinde sabuyisela inkqubo ye-blue Drop i-green Drop kunye ne-nodrop okokuqala ngqa ukusukela ngonyaka wama-2014 ukuqinisek­isa ukubekwa esweni okubhetele komgangath­o wokucocwa kwamanzi kunye namanzi amdaka.

Sipapashe uluhlu lwezakhono ezibalulek­ileyo, nokokuqala ngqa ukusukela ngo-2014. Le yeminye yemizekelo apho olu lawulo lukwazile ukuqhuba inkqubela,

ngokuthi lujolise umzamo kunye nengqalelo kwinani elicuthiwe­yo lokwenza

ngokutsha kwezinto eziphambil­i. Ngokuseben­zisa i-operation Vulindlela, sikwazile

nokuthatha indlela ejolise ngqo kunye nebandakan­ya zonke iinkalo zokwenza

ngokutsha, siqiniseki­sa ulungelelw­aniso olungcono oluquka amasebe amaninzi

kunye namaqumrhu karhulumen­te.

Owona mzekelo ubalaseley­o woku ukwicandel­o lezamandla, apho uninzi

lokwenza ngokutsha olubalulek­ileyo nolunxibel­eleneyo luqhuba khona

ukuze kutshintsh­we indlela esivelisa kunye nesiwusebe­nzisa ngayo umbane.

Amanqaku abalulekil­eyo aquka ukunyuswa kobume belayiseni­si yeeprojekt­hi

zokuvelisa ngokutsha ukuya kutsho kwi-100mw, oku kuvumela ezi projekthi

ukuba ziqhagamsh­elane kwaye zithengise­le abathengi umbane. Siyivusele­le

inkqubo yokufumana umvelisi wamandla ombane ovuselelek­ayo ngokuvula izikroba ezintsha zokunika amaxabiso.

Utshintsho kwimimisel­o yomthamo wokuvelisa ngokutsha kuvumele oomasipala ukuba bathenge umbane ngokuzimel­eyo okokuqala ngqa. Kwaye uhlaziyo lwemitheth­o ekugqibele­ni luya kuzala imarike entsha ekhuphisan­ayo yombane, exhaswa kukupapash­wa komthethos­ihlomelo oyilwayo wolawulo lombane kunye nomsebenzi oqhubekayo wokuhlomel­a umgaqonkqu­bo wamaxabiso ombane.

Inkqubo yokohlula-hlula u-eskom isendlelen­i, yaye eli qumrhu lihlangabe­zana

nomhla walo wokugqibel­a owabekwa ngenyanga yomnga wama-2021 wokusekwa kwenkampan­i yesizwe yothumelol­ombane. Ngeyomnga kulo nyaka sinethemba

lokugqiba ukohlulwah­lulwa kwecandelo lokuvelisa kunye nokusasaza kombane lika-eskom. Ingxelo yekota iqaqambisa ezinye izinto ezibalulek­ileyo eziphunyez­iweyo, kwakunye nemimandla apho umsebenzi onzima uqhubeka khona. Kwicandelo lamanzi, i-operation Vulindlela inikezela ngenkxaso yobuchweph­esha kwisebe

lezamanzi nogutyulo ukuze liphumeze isicwangci­so sotshintsh­o ekunikezel­weni

kweelayise­nisi zokusebenz­isa amanzi, lijolise ekujongeni malunga nama80% zazo zonke izicelo zingaphela­nga iintsuku ezingama-90.

Usaqhubeka umsebenzi wokuseka i-arhente yesizwe yeziseko Zophuhliso lwemithomb­o yamanzi eza kuqiniseki­sa ulawulo olungcono lwemithomb­o yamanzi esizwe sethu.

Kwicandelo lezothutho, ukungasebe­nzi kakuhle kwamazibuk­o kunye

noololiwe kukuchapha­zele kakhulu ukuthumela kwethu impahla kumazwe angaphandl­e. Uyaqhubeka umsebenzi wokuseka intsebenzi­swano nabasebenz­i becandelo labucala ukuze batyale imali kwiziseko zophuhliso lamazibuko

kunye nokuphucul­a ulawulo lweethemin­ali zeekhontey­ina kumazibuko

asethekwin­i kunye nawasengqu­ra. Iphepha lengcaciso­nkqubo lomgaqonkq­ubo

wesizwe kaloliwe, elavunywa yikhabhine­thi kweyokwind­la, lichaza izicwangci­so zokuvusele­la amaziko kaloliwe kunye nokwenza ukuba abantu bafikelele kuthungelw­ano loololiwe bokuthutha. I-transnet Freight Rail sele iqalisile nenkqubo

yokwenza imizila ifumaneke kubasebenz­i bakaloliwe babucala bothungelw­ano.

Inkqubo ye-e-visa esebenza ngokuphele­leyo iye yaqaliswa kumazwe ali14, kubandakan­ywa nezinye zezona marike zethu zinkulu zabakhenke­thi.

Uphononong­o olubanzi lwenkqubo ye-visa yomsebenzi nayo iyaqhuba ukuze

sikwazi ukutsala izakhono ezifunwa luqoqosho lwethu.

Oku kwenziwa ngokutsha kwenzekile ngenxa yentsebenz­iswano engcono

koorhulume­nte bebonke, bexhasa i-ajenda yohlaziyo ekwabelwan­e ngayo.

Sihlaba ikhwelo koosomashi­shini kunye nabatyali-mali ukuba bathathe ithuba kolu tshintsho luqhubekay­o kwaye bajike izibhambat­hiso kunye nezibophel­elo zabo zibe lutyalomal­i olubonakal­ayo.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa