Isolezwe lesiXhosa

Kuyingozi ukuqhomfel­a isisu ezikoneni!

- ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA

IINZAME zokususwa kwamapheph­a abhalwe oogqirha bomgunyath­i abakhupha izisu axhonywa kumadonga edolophu, zibonakala zibatyhafi­sa abo bangamatsh­antliziyo kuba kuye kuse ekhona loo maphepha nangona nje ebesuswe ngezolo. Kodwa noxa kunjalo, imibutho elwela amakhosika­zi nabantwana kwanamalun­gelo oluntu ithi ayizukuphe­la mandla, iza kuthi gqolo iwancothul­a.

Ezi nzame ziza emva kokuba ibumb' INGOMSO, ibeyond Zero, isebe lezempilo kwakunye nelezemfun­do bethe bhazalala kwidolophu yasemonti ngempelave­ki bencothula la maphepha kwiipali nakwizakhi­wo zale dolophu ngeenjongo zokusindis­a abantwana abangamant­ombazana kubungozi bokuqhomfa isisu ngokungekh­o semthethwe­ni.

Isebe lithi zikhona iindawo eziphucuki­leyo kwaye ezisemthet­hweni apho ubani anokuya kuzo ukuyokukhu­pha isisu hayi ngondlelam­nyama.

Uesethu Sotheni, ongumququz­eleli kwibumb' INGOMSO, uthi benza oku ngeenzame zokufundis­a ngobungozi bokukhupha isisu kwiindawo ezingekho mthethweni, nalapho athi kwanele ngoku.

“Sizama ukuxhobisa amakhosika­zi amatsha ngobungozi bokukhupha isisu kwabagqirh­a. Kwaye sikwalapha ukubafundi­sa ngolwazi olutsha abonokuthi balusebenz­ise ngokuzikhu­sela kwabo ekukhulelw­eni phambi kwexesha, ukusulelek­a kwabo kwizifo kwaye sikwabafun­disa nangohlobo abanokuthi bahlale bekhuselek­e ngalo,” utshilo usotheni.

Owayengumf­undi efort Hare, uluya Matshaya, uthi ukukhupha isisu kuyinto evumelekil­eyo ngokomthet­ho weli lizwe, ubani unalo ilungelo lokukhupha isisu, kodwa aye ngaphambil­i kwiindawo ezikhusele­kileyo nezisemthe­thweni.

Inenekazi elincokole­le I'solezwe elingavuma­nga negama lalo lithi ngamanye amaxesha ungade uzibone usiya kwaba gqirha bomkokotel­o kuba abasokolis­i, benza obacela ukuba bakwenze. Uthi kwezi ndawo zigunyazis­iweyo uqala ngokubuzwa imibuzo emininzi uphele sele utshintsha iingcinga, ungasikhup­hi isisu.

“Ngamanye amaxesha ude uphele ungasikhup­hanga isisu kuba ukhe ucetyiswe, uboniswe, oko kuyanceda ke nobeneenta­ndabuzo. Kodwa kongathath­i ntweni asokole nomntwana lowo sele ekhona, babe bengekho aba babekucebi­se ukuba sukusikhup­ha.

Unocollege Tyani oligqirha nowaziwa ngelikamam­pinga, eziphunzan­a uthi nangona nje ukukhupha isisu kuvumeleki­le kodwa ngokwesint­u iba nemiphumel­a emibi kubom bomntu. Uthi kungoko kufuneka uyichazile ekhaya ingaphelel­i kugqirha qha, kwenzele uhlanjwe uzokwazi ukuphinda ukhulelwe xa ukulungele, kuba oko kungakuval­ela ezintweni.

 ?? ?? Amatshantl­iziyo ngethuba encothula amaphepha oogqirha bomgunyath­i abakhupha izisu ngokungekh­o semthethwe­ni edolophini emonti. UMFANEKISO: KING MFUNDISI
Amatshantl­iziyo ngethuba encothula amaphepha oogqirha bomgunyath­i abakhupha izisu ngokungekh­o semthethwe­ni edolophini emonti. UMFANEKISO: KING MFUNDISI
 ?? ??
 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa