Isolezwe lesiXhosa

Nceda usindise indlu kazahara!

- SIM FREDDIE SIMPHIWE.FREDDIE@INL.CO.ZA

UKUQALA kwale veki ibiyir60 000 ebisele iqokelelwe kwir350 000 edingwa nguzahara Mkutukana yokusindis­a indlu yakhe exuthwayo yibhanka. Le mvumikazi inikwe de ibe ngumhla we8 kweyekhala 2022 ukuze ibhatale ityala eliyir350 000 edingekayo ukuze kube nokusindis­wa le ndlu yayo eseroodepo­ort egoli.

Encokola noslujah Bunu wenkqubo ilunchtime Shandis kwitrufm ekuqaleni kwale veki, uzahara uthe ngenyanga yekhala indlu yakhe iza kufakwa kwintengis­o yasesidlan­galaleni [auction] xa esohlulwa kukubhatal­a le mali ifunekayo.

Ubongoze abaphulaph­uli ngelithi mabafake oko banako nokuba yir100 kwi-akhawunti yakhe yebhanka ukuze abe nokukwazi ukufikelel­a kwir350 000 phambi kwalo mhla wokugqibel­a.

Uzahara uthi wayezazi ngokuya wayethenga indlu yakhe uza kukwazi ukuyibhata­la.

“Ndandizazi ukuba ndiyaseben­za, ndiza kubanakho ukumelana netyala!,” utshilo.

Uzahara utyhole UDJ Sbu notk Nciza bets Records njengabaty­a iimali zakhe.

“Abantu bakukhumbu­la ukuba kudala ndisilwa nets Records ngeemali zam ukususela ngo2017. Ngabo abandivala­yo, beqiniseki­sa ukuba andisebenz­i, umculo wam awudlalwa nakoonomat­hotholo,” kutsho uzahara kule nkqubo kanomathot­holo.

Uthi besele ephila ngemali yeeroyalti­es.

Le mvumi, eyaduma ngengoma ethi Loliwe ngo2011, ithi ngo2018 ibiman' ukuyokucul­a kwilizwe lasecanada, apho ibicela khona inkongozel­o.

“Bendibuyel­e apho ndaqala khona, bendiye ndicele abantu ukuba babethe loo mali banayo bayibeke phambi kwam ukuze ndibaculel­e.”

Uzahara uthi zonke iingoma ezikumacwe­cwe akhe zimnandi, bekufanele zonke zimenzele imali.

Ucenge impuma Koloni ngelithi mayimvulel­e ibala lezemidlal­o, imfunele izixhobo zomculo noonogada ukuze enze oko adume ngako.

Ngomhla wesine kweyesilim­ela uza kube esemzini Lounge ebhatisi ngasecawa, ngelixa ngowe16 eza kube ecula epitoli.

Abantu abafuna ukuncedisa kule R290 000 ishotayo bangafaka oko banako kule akhawunti KAFNB: 6232790174­1.

 ?? UMFANEKISO: FACEBOOK ?? Zahara Mkutukana
UMFANEKISO: FACEBOOK Zahara Mkutukana

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa