Isolezwe lesiXhosa

Ukelly, ijaziel nobutho bashukumis’ igqeberha

- SIM FREDDIE SIMPHIWE.FREDDIE@INL.CO.ZA

IBA nombono ukelly Khumalo, ijaziel Brothers nobutho Vuthela kwiqonga elinye.

Kuza kubanjalo ke egqeberha xa ezi mvumi zikhuphisa­na ngengoma kwihealing Gospel & Afro Soul Explosion esun Boardwalk kwimpelave­ki ezayo yomhla we4 kweyesilim­ela 2022.

Lo mcimbi uwuphathel­wa yimahambeh­lala njengenxal­enye yeekhonsat­hi ezisingise kumnyhadal­a wonyaka nonyaka iebubeleni.

“Kule minyaka mibini edlulileyo sihleli emakhaya, kungekho ntshukumo zolonwabo ngenxa yecovid-19, kwenze ubomi nzima,” kutsho uthembi Mahambehla­la ongumaneja­la weentengis­o nompapashi emahambehl­ala ecommunica­tions.

Uthi oku kwenze abezolonwa­bo bakholelwe kakhulu ekuguqeni ngedolo.

“Badumisa uthixo ngendlela abayaziyo, ingoma nokugida. Baza kubulela ubawo ngemiphefu­mlo ethe yasinda,” kutsho umahambehl­ala.

Abaququzel­eli bale khonsathi bathi phantse wonke umntu uchaphazel­ekile yicovid-19 ngeendlela ezohlukene­yo, kungoko impuma Koloni kufuneka ilibale ngesezolo, iqale uqalo olutsha.

Le khonsathi ineenjongo zokumanyan­isa, ukuphilisa nokuqinisa abantu nanjengoko bezama ukubuyisel­a uzinzo ebomini babo.

Le khonsathi ngeyesibin­i kuthotho lweekhonsa­thi ezisingise kumnyhadal­a womculo iebubeleni.

“Injongo kukudala iqonga, ukuphuhlis­a nokwenzela ingeniso iimvumi ezisakhula­yo namashishi­ni akwinelson Mandela Bay,” kutsho umahambehl­ala.

Abathandi bomculo kakelly Khumalo, ijaziel Brothers, ubutho Vuthela neqela lasegqeber­ha, ilegato SA, bayacelwa ukuba baphume bonke ukuza kuzozinwab­isa ngobu busuku.

Amatikiti afumaneka nger300 epick'n Pay, kwaboxer nakwa-www.webtickets.co.za. Iingcango zivula ngentsimbi yesixhenxe.

 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa