Isolezwe lesiXhosa

Zikhusele KWI-COVID-19 ngaphambi kobusika

- RANTHATA NYIGA

Njengoko iimeko zomzantsi Afrika ZE-COVID-19 ziye zisanda ngaphambi kweenyanga ebeziqikel­elwe zetyeli lesihlanu kunye neenyanga ezibandayo zasebusika zisondele, urhulument­e uyaqhubeka nokukhutha­za uluntu ukuba lugonyelwe le ntsholongw­ane kwaye lungashiye­ki kwisigonyo sokuvusele­la.

Ngokukamph­athiswa wezempilo ugqr. Joe Phaahla, ngomhla wama-25 kutshazimp­uzi umzantsi Afrika ubale ukunyuka okungange-137% KWECOVID-19, xa kuthelekis­wa neentsuku ezisixhenx­e ezidlulile­yo, okuqhutywa ikakhulu ngamazinga aphezulu osuleleko erhawutini, Kwazulu-natal kunye nasentshon­a Koloni.

I-COVID-19 iseyingozi kwaye asinako ukuyeka zonke iindlela zokuzithin­tela,” utshilo umphathisw­a uphaahla.

“Siyaphinda sibongoza bonke abo bangekagon­ywa ukuba beze ngaphambil­i bafumane isigonyo. Basengapha­ntsi kwama-50% abantu abadala abathe bafumana isigonyo esinye kwaye oko akulungang­a.

Sibongoza abantu abatsha ukuba beze ngaphambil­i. Ukungabi nakusulelw­a

ngokwendal­o kuye kwehle emva kwexesha kwaye akufani nesigonyo, akubekelwa

xesha. Sibongoza bonke abo bakulungel­eyo ukuba bafumana isigonyo sokuvusele­la

ukuba bathathe elo thuba phambi kobusika” wongeze watsho.

Isebe lezempilo entshona Koloni lithi iingcombol­o zasekhaya nezamazwe

ngamazwe zingqina ukuba ugonyo LWE-COVID-19 luhleli ilelona khuseleko

lubalasele­yo kule ntsholongw­ane. Oku kukhusela ngakumbi kubantu abanamajon­i omzimba abuthathak­a.

Sisezakuhl­ala nayo I-COVID-19. Ukuze siyoyise, kufuneka siyitshaba­lalise ngokuqinis­ekisa ukuba abantu abaninzi kangangoko kunokwenze­ka bayagonywa kwaye baqhubeke nokufumana isigonyo sokuvusele­la, litshilo isebe.

Nangona amanani E-COVID-19 esanda kwaye ilizwe lilindelek­e ukuba lingene kwityeli lesihlanu kungekudal­a, akukaziwa ukuba eli tyeli liya kuba bukhali kangakanan­i na.

“Eyona nto esathandab­uzekayo izazinzulu zethu zisixelela ukuba eli tyeli litsha liza ngolunye uhlobo olutsha olubizwa ngokuba yi-pi, oluzakusul­ela ngakumbi nangona ukuba unamajoni omzimba omelele. Kodwa, kweli nqanaba, eyona ingqinwayo ukuba yeyona ihamba phambili yi-omicron ebizwa ngokuba yi-b.4 kunye ne-b.5,” utshilo uphaahla.

Unganceda ukuthintel­a usuleleko LWE-COVID-19 ngokuqinis­ekisa:

LWE-COVID-19 (kubandakan­ywa nesigonyo sokuvusele­la) aluphelelw­a lixesha. zingena umoya kakuhle.

xa ungaphakat­hi kunye nakwiindaw­o ezinabantu abaxineney­o. sokugonyel­a umkhuhlane. omawuyenze xa uneempawu ezinjengom­khuhlane. zakho kwaye ufaka isibulali zintsholon­gwane

 ?? ?? Umphathisw­a Joe Phaahla.
Umphathisw­a Joe Phaahla.
 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa