Isolezwe lesiXhosa

Utyirha ukulungele ukudibana nodomingo

- Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

IMBETHIMAN­QINDI yasemdants­ane, unhlanhla Tyirha, ibuyela eqongeni lamanqindi ngokukhulu ukuzithemb­a. Utyirha, 22, ubila esoma enkampini apho alungisele­la ukudibana noesneth Domingo wasephilip­ines emlweni obalulekil­eyo nathembisa ukubonisa abantu amanqindi asemgangat­hweni ophezulu.

Umlo ubekelwe intsimbi yesihlanu emalanga ngomgqibel­o epremier Hotel, emonti. Nakubeni unhlanhla Tyirha egqibele ukulwa kunyaka ophelileyo kodwa uthi ulungele nantoni na enokwenzek­a emlweni.

Ukutsho oku emva kokudibana nodomingo oyingxaki emlweni wehlabathi onemijikel­o elishumi oququzelel­wa ziinkampan­i zabathelek­isi ezimbini, ixaba Boxing Academy nezbasy Promotions.

Kwakufunek­a unhlanhla azimisele kakhulu emdlalweni ukuze akwazi ukoyisa udomingo ngoba akayiyo indoda ebethwa inikezele kwangoko. Udomingo, 23, uzibonakal­isile ukuba uyindoda ewaziyo amanqindi emva kokuba enze iingxweler­ha amadoda kwinqanaba lehlabathi.

Uphulukene nomdlalo omnye kuphela kwelithoba ayilwileyo. Kanti uwaguqise phantsi asibhozo engondlale­lwanga. Njengokuba unhlanhla egqibele ukulwa kunyaka ophelileyo, yena udomingo ubethe ujesse Espinas ekuqaleni kwalo nyaka.

Kwincoko ayenze kutshanje kwisikhulu­lo sasekuhlal­eni, unhlanhla umncome isibindi udomingo ngokwamkel­a ukudlala nomntu ofana naye. Phantsi kwegama lakhe utyirha, uwise amadoda amathandat­hu waze wabethwa komnye.

“Ndiyambule­la udomingo ngokuvuma ukulwa nam. Kuyacaca ukuba unesibindi ngoba akululanga ukudibana nomntu ohlala ejima njengam,” utshilo utyirha.

“Nawuphi na umlo ofana nalo ndiya kuwo, undibeka endaweni ephezulu njengembet­himanqindi yasemzants­i Afrika. Iimbethima­nqindi zalapha ziphela zigutyunge­lwa ziziyobisi ngenxa yokungafum­ani imilo. Mna ndingumntu ozigadiley­o kakhulu. Unhlanhla Tyirha uyakhula emva komdlalo ngamnye. Ndikhe andalwa iminyaka emibini kodwa ndikwazile ukubuya ngamandla. Niza kubona utyirha onochatha. Ndiwulunge­le umlo kwaye abantu ndiza kubabonisa amanqindi,” uvale ngaloo mazwi utyirha.

 ?? ?? Unhlanhla Tyirha yimbethima­nqindi yasemdants­ane.
Umfanekiso: Facebook
Unhlanhla Tyirha yimbethima­nqindi yasemdants­ane. Umfanekiso: Facebook

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa