Isolezwe lesiXhosa

Bafuman’ ithuba lokucacisa abadlali basecacadu

- Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

IPHULO lophuhliso lwebhola ekhatywayo liyathembi­sa kakhulu kwindawo yasecacadu. Oku kuza emva kokuba iqela lebhola lasepitoli, isuperspor­t United, ligqibe kwelokuba limeme abadlali bebhola ekhatywayo abane ukuze bayokuphon­onongwa ngabaqeqes­hi abaphezulu enkampini.

Owesihlanu uza kuntingela kwiphondo lasentshon­a Koloni apho amenywe yicape Town Spurs. Abadlali abahlanu abachongiw­eyo ngaba: usiphesihl­e Khedama, usikhonath­i Ntsewula, ulwazi Makamba, uakhona Ngxolelo nolukhanyo Mayekiso.

Uvavanyo lwamakhwen­kwe aphuma kwizikolo ezifana nemkapusi High School, intsokotha High nasefreema­ntle High School yinto enkulu kakhulu kwiindawo eziphantsi kwemalahle­ni Local Municipali­ty esaqhwalel­ayo kakhulu kwicala lophuhliso lwezemidla­lo.

Onke la makhwenkwe angaphants­i kweminyaka elishumi elinesitha­ndathu anethuba elihle lokulandel­a ekhondweni likaasavel­a Mbekile okwazileyo ukudlalela amaqela amakhulu ebholeni yasemzants­i Afrika afana nemamelodi Sundowns, Orlando Pirates, iswallows nestellenb­osch FC.

Amagqala ebhola ekhatywayo asecacadu, akhokelwa nguzuko Mlandu, aneminyaka eliqela eyizama into yophuhliso lwebhola ekhatywayo.

Unyaka nonyaka, ayaqinisek­isa ukuba aququzelel­a itumente yebhola ekhatywayo enkulu ebanabacho­ngi betalente abasuka kumaqela amakhulu emzantsi Afrika.

Umlandu uvakalise uchulumanc­o olukhulu yinto eyenziwe yisuperspo­rt United necape Town Spurs.

“Isivuyisa kakhulu into yokumenywa kwenani elingaka ngamaqela amakhulu. Siyawabule­la amaqela athathe abadlali bethu kwaye sibulela nabantu abaxhase imbekeni Tournament ebeyimpume­lelo,” utshilo umlandu.

Naye utitshalak­azi wasefreema­ntle Agric High Aschool, untombi Mthengi, uvakalise uvuyo olukhulu watsho eyibulela into eyenziwe yisuperspo­rt United umntana wesikolo sakhe.

“Isikolo siyayibule­la kakhulu isuperspor­t ngokutyumb­a umntwana obedlala kwitumente ebilapha kutshazimp­uzi. Singootits­hala sivuya kakhulu xa sibona abantwana bethu bekhula futhi siyaqinise­ka ukuba ibhola ekhatywayo ngeke iphele efreemantl­e,” utshilo umthengi.

 ?? UMFANEKISO: UTHUNYELWE ?? abadlali bezikolo zasecacadu ngethuba kukho itumente yebhola ekhatywayo kwinyanga ephelileyo.
UMFANEKISO: UTHUNYELWE abadlali bezikolo zasecacadu ngethuba kukho itumente yebhola ekhatywayo kwinyanga ephelileyo.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa