Isolezwe lesiXhosa

Xibilili izibilini kwits Galaxy

- Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

ZITHE xibilili izibilini kubaphathi nakubaland­eli bets Galaxy emva kokuba ikwazile ukugcina indawo yayo kwidstv Premiershi­p emva kokusokola kwisizini ka2021/22.

Ugiven Msimango, ofake inqaku elibalulek­ileyo, uvuye okosana emva kokuba ITS Galaxy ibethe ichippa United ngo1-0 emdlalweni wokugqibel­a obusenelso­n Mandela Bay Stadium.

Iqela likatim Sukazi liye egqeberha kwiveki ephelileyo lidinga impumelelo ukuze liqiniseki­se ukuhlala kwalo kwinqanaba lebhola eliphezulu emzantsi Afrika. Yona ichippa United kwelinye icala ibisele iqokelele amanqaku oneleyo ayisindise ezembeni.

Ukuphumele­la kwets Galaxy kumshiye encumile umsimango ngoba ibilinqaku lakhe lokuqala kwiqela alikhokela­yo.

“Ngeke ndililibal­e ixesha endilifume­ne ngalo inqaku lam lokuqala. Kodwa okundichul­umancise kakhulu yindlela iqela ebelizinik­ele ngayo phambi kokusongwa kwesizini. Kumnandi kum ngoba sikwazile ukubonisa ukuba siyakwazi ukulwa. Sithi abazifaka engxakini, ikwasithi abaphinde bazonyula,” utshilo umasango emva komdlalo.

Nangona ITS Galaxy ibinabo abadlali abanamava kwinqanaba eliphezulu kodwa izinto khange ziyihambel­e kakuhle ncam.

Kangangoku­ba kuye kwanyanzel­eka iqeshe usead Ramovic endaweni kaowen Da Gama ekuthambek­eni kuka2021.

“Ndivuya kakhulu ngoba sikwazile ukufumana amanqaku amathathu ahlangule iqela engxakini. Yeyona nto ebalulekil­eyo kuthi leyo.

“Ndibonile ukuba sicinezelw­e emdlalweni. Kuthe xa sifumana ikona, ndaqonda ukuba mandiye mhlawumbi kukho into engavela. Ibhola ibetheke emntwini yabuyela kum, kuye kwanyanzel­eka ndiliseben­zise ithuba elivelayo. Ngelo xesha besingazi ukuba kwenzeka ntoni kweminye imidlalo. Besizixele­le ukuba asizukuzid­uba ngokwenzek­a kweminye imidlalo,” utshilo umasango.

Kwelinye icala, ibaroka FC ithotyisel­we emva kokubethwa ngo1-0 yimaritzbu­rg United. Abakgaga balandela ipolokwane City neblack Leopards eziye kwigladafr­ica Championsh­ip ngokulande­lelana.

Yona iswallows ifumene ithuba lokudlala imidlalo yokuxabang­ela (Playoffs) emva kokubamban­a nekaizer Chiefs ngo2-2 emdlalweni wokugqibel­a.

 ?? UMFANEKISO: SYDNEY MAHLANGU/ BACKPAGEPI­X ?? Ugiven Msimango ngumdlali okwangukap­teni wets Galaxy.
UMFANEKISO: SYDNEY MAHLANGU/ BACKPAGEPI­X Ugiven Msimango ngumdlali okwangukap­teni wets Galaxy.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa