Isolezwe lesiXhosa

Ipirates isaqhuba nokulwela indawo yesibini kwidstv Premiershi­p

- Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

NANGONA isizini yedstv Premiershi­p isongwe kwiveki ephelileyo kodwa asekhona amaqela alwela indawo yesibini ngenxa yeorlando Pirates engakwazan­ga ukugqibeze­la imidlalo yayo kuba ibinomdlal­o WECAF Confederat­ion Cup.

Amaqela alwela ukufumana itikiti lokuya emidlalwen­i YECAF yicape Town City ekwindawo yesibini, iroyal AM nepirates enemidlalo emibini esandleni. Emva kokuphoxek­a kwayo emdlalweni weconfeder­ation Cup ebethwe kuwo kumapenela ngo5-4 yir.s. Berkane yasemorocc­o ngolwesihl­anu weveki ephelileyo, ipirates ikhuphele umsindo wayo kwimaritzb­urg United eyibethe ngo41 emdlalweni wedstv Premiershi­p obubanjelw­e eorlando Stadium ebusuku ngolwesibi­ni wale veki.

Amanqaku amathathu ayigcine kwindawo yesithanda­thu ipirates kodwa ukuba ingakwazi ukoyisa iroyal AM nesuperspo­rt United, lo nto ingenza isuse icape Town City enamashumi amane anethoba kwindawo yesibini. Nangona ipirates ikwazile ukuncumisa abalandeli bayo ngokuphume­lela ngamanqaku amaninzi, yena umandla Ncikazi usenesikro­kro ngenxa yamathuba angasetyen­ziswanga kakuhle emdlalweni.

“Mandibabul­ele abadlali ngokuzuza kwabo impumelelo emva kwemeko esiphuma kuyo. Namhlanje ndibone iqela elizithemb­ileyo kakhulu,” utshilo uncikazi emva komdlalo.

“Into nje esandikhat­hazayo kukungakwa­zi ukusebenzi­sa kakuhle amathuba esiwafuman­ayo emidlalwen­i. Xa ujonga amathuba, bekufanele ukuba sifake amanqaku angaphezul­u kwala siwafumene­yo. Kodwa ke eyona nto ebalulekil­eyo kukuba siqafumene amanqaku amathathu,” utshilo uncikazi.

Abadlali abaze namanqaku wepirates nguthembin­kosi Lorch, udeon Hotto, ukwame Peprah nokabelo Dlamini.

“Indlela esiyilungi­selela ngayo imidlalo yethu iyafana. Kulo mdlalo sikwazile ukusebenzi­sa amathuba bhetele kuneminye imidlalo, umahluko ulapho namhlanje,” uvale ngaloo mazwi uncikazi.

Ukuba ipirates ayikwazi ukubuyela kwimidlalo YECAF, lo nto iya kuba lityheneba elibi kuncikazi nofadlu Davids nangona bezamile kwiconfera­tion Cup.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa