Ushalulile ugxeleshe isizini ezayo ngabomvu
IMAMELODI Sundowns ziintshatsheli ezivunyiweyo zedstv Premiership okwesihlanu izihlandlo ezilandelelanayo, kodwa umntu ongenelisekanga ncam ngumsebenzi ewenzileyo ngupeter Shalulile.
Le folosi yasenamibia iwe nganeno kwiinzame zayo zokufumana amashumi amabini anesihlanu amanqaku, irekhodi likacollins Mbesuma awalenza ngo2005.
Ushalulile ufumene umnqongo wenqaku emdlalweni wokugqibela isundowns ebethe kuwo iroyal AM ngo3-2 echatsworth Stadium ngomvulo wale veki. Nakubeni isundowns ibiseyithathile indebe, yena ushalulile benamanqaku amathathu ebefuna ukutsiba ngaphaya kwawo. Njengokuba ingenzekanga lo nto, ushalulile ufunge ngelithi uza kuzama ukufumana amanqaku amaninzi ukodlula awafake kwisizini ka2021/22.
“Andonelisekanga konke konke,” utshilo ushalulile ofumene amashumi amabini anesithathu amanqaku kwisizini esongiweyo. Ushalule uphakathi kwabadlali ekulindeleke bazithaphulele amawonga emsithweni ekuza kuwongwa kuwo abadlali abaqaqambileyo.
“Kunyaka ozayo ndakufumana angaphezulu kwala ndiwazuzileyo. Ndifuna ukubulela abadlali nabalandeli abandixhasileyo isizini yonke. Andonelisekanga yindlela endisebenze ngayo emva kokungawafumani amanqaku ebendiwafuna.
“Ndiza kuqhubela phambili nokulwa kwisizini ezayo. Iintshatsheli azinikezeli,” uthilo ushalulile. Emva komdlalo, usteve Komphela, uvuyisene neqela lakhe emva kokuthwaliswa isithsaba. Ubancome kakhulu oogxa bakhe nabadlali abaqinisekisileyo ukuba isundowns izuza indebe yedstv Premiership ekhatshwa yimali ezizigidi ezilishumi elinesihlanu zeerandi. Ekuqaleni kwesizini, isundowns iphumelele indebe YEMTN8 ehamba nesibhozo sonke sezigidi zeerandi. Kanti ngempelaveki, idowns inethuba lokongeza indebe yesithathu xa idibana nemarumo Gallants emdlalweni wokugqibela wenedbank Cup oza kudlalelwa eroyal Bafokeng Stadium ngentsimbi yesithandathu ngorhatya ngomgqibelo. Iqela eliphumeleleyo lakugoduka nezigidi ezisixhenxe.