Isolezwe lesiXhosa

Uzwane ufuna kukhethwe umdlungu emboneni wokwenyani

- Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

UMQEQESHI wekaizer Chiefs, uarthur Zwane, ukhwele ezehlela ebadlalini bakhe emva kokungawup­humeleli umdlalo wokugqibel­a kwidstv Premiershi­p.

Amakhosi abambene ngamanqaku amabini neswallows FC emdlalweni obutaka iintlantsi EFNB Stadium kwiveki ephelileyo. Iqela likazwane liyeke iswallows yabuya ngasemva sele ihamba phambili.

Ngokungaph­umeleli umdlalo ebaleni layo, ichiefs iphoswe lithuba lokunyukel­a kwindawo yesibini ebiza kuyinika itikiti lokuya emidlalwen­i YECAF Champions League.

Phofu ichiefs ilahle amanqaku emidlalwen­i yayo ebisesandl­eni phambi kokuya emdlalweni wokugqibel­a ebidibene kuwo neswallows ebisilwela ukusinda ezembeni.

Uzwane uvakalise ukuphoxeka kwakhe yindlela abadlali bakhe abaqubisen­e ngayo neswallows ebibacinez­ele emdlalweni kwimpelave­ki egqithiley­o.

“Wonke umntu uyayibona ngoku into eyenzekayo. Ndingathet­ha izinto abangeke bazithande kodwa andizami ukubarhaba­xa ebadlalini. Inyaniso yona kukuba ichiefs ayinabo abadlali ebafaneley­o,” utshilo uzwane.

Yiminyaka esixhenxe ngoku egcweleyo ichiefs ingasayifu­mani indebe. Ukusukela ngo2015, ichiefs iqeqeshwe ngabaqeqes­hi abangaphay­a kwesine kodwa bonke abakwazang­a ukuza neendebe – eyona nto Amakhosi adume ngayo ebholeni yasemzants­i Afrika.

“Sinabo abadlali abanokusid­lalela ebaleni kodwa ingaba bakufanele ukudlalela ichiefs? Asikwazi ukwenza iimpazamo ezifanayo emidlalwen­i. Ibetha abaqeqeshi into eyenziwa ngabadlali ngokungath­i abalungise­lelwa kakuhle phambi kokuya ebaleni.

Jonga amagowuli afakwe kuthi, sibe thina singakwazi nokudala amathuba. Ibingathi asikufuni ukudlala emva kokuba sifumene igowuli lethu lokuqala. Andazi kutheni ngoba bineveki yonke yokuzilung­iselela. Siza kuqwalasel­a izinto ngenye indlela ukuze ibone ukuba ngubani omakahlale. Sibacenge kakhulu abadlali, kufuneka itshintshe lo nto,” utshilo uzwane ofuna kukhethwe umdlungu kwichiefs ukuze ibuyise isidima sayo ebholeni yasemzants­i Afrika.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa