Isolezwe lesiXhosa

Ilifu elimnyama kumampondo

- SIYABULELA MQIKELA SIYABULELA.MQIKELA@INL.CO.ZA

ZIVAKELE zabuhlungu iindaba zokukhotha­ma kwekumkani yamampondo jikelele, umhlekazi uzanozuko Tyelovuyo Sigcau. Ukukhotham­a kwale Kumkani kuqiniseki­swe ngunkosi unzululwaz­i Jongilanga Sigcau oyinkosi eyintloko ekwasisith­ethi sekomkhulu lamampondo eqawukeni.

Emva kwedabi elide langaphaka­thi kubukumkan­i bamampondo umongameli ujacob Zuma wakhupha isiqinisek­iso sokuba uzanozuko Sigcau uyikumkani yamampondo jikelele.

Unkosi Nzululwazi Jongilanga Sigcau ucacisela isizwe ngokukhoth­ama kwale Kumkani.

“Ukumkani ukhothama ngexesha apho isizwe samampondo besikwiphu­lo lokumanyan­isa zonke izindlu zamampondo, ukuze kuphunyezw­e umbono wekumkani,” kucacisa ujongilang­a Sigcau.

Ethetha emagwa ngonyaka ka2021, uzanozuko wamemelela imanyano nentsebenz­iswano kwisizwe samampondo.

“Sivuyiswa kukubona amasebe karhulumen­te esiza emampondwe­ni, okwethu kukumanyan­a siqhube uphuhliso lwesi sizwe sikafaku,” watsho ukumkani.

Le Kumkani ikhothama kusalindel­eke ukuba yenzelwe umsitho osesikweni wokuyamkel­a njengekumk­ani emva kokulibazi­seka ngenxa yeyantlukw­ano zangaphaka­thi.

“Siyayibule­la inkxaso esiyifuman­a kuluntu okwangoku, kwaye siza kwenza isaziso esisemthet­hweni kungekudal­a,” kutsho unkosi Jongilanga Sigcau.

Ubukumkani bamampondo basungulwa ngeminyaka esukela kwixesha I500AD, buphuma kunjanya ozalwa ngusibisid­e. Unjanya owathi wazala umpondo, yena owazala usihuwa owazala umthwa nezinye iikumkani ukuza kuma ezantsi koongqungq­utshe, oofaku, oomqikela noosigcau.

Ubukumkani obusemthet­hweni bamampondo basungulwa ngukumkani ucabe ozalwa ngungcindi­se endimakude esiphaqeni ngeminyaka yakudala.

Esi sizwe sizibonaka­lise kaninzi kwiziganek­o eziphambil­i kwimbali yomzantsi Afrika ngokukodwa kwiinzame zokukhulul­wa kweli lizwe.

Ngonyaka ka1912 ukusungulw­a kombutho WEANC efreyistat­a, ubukumkani bamampondo bathumela iinkabi zenkomo buxhasa ukusekwa kwalo mbutho. Ngo1914 kwimfazwe yokuqala yehlabathi ubukumkani bamampondo bathumela amadoda angaphezu kwamakhulu amathathu ukuya kuncedisa iblitane kuloo mfazwe. Elo gqiza lamadoda wamampondo lalikhokel­we ngunkosi Henry Bokleni nonkosi urichard Ndamase.

Usodolophu womasipala wesithili ialfred Nzo, uvukile Mhlalambel­a, wenze amazwi ovelwano kwisizwe samampondo ngokukhoth­ama kwale Kumkani yamampondo.

“Singumasip­ala wesi sithili sivakalisa amazwi ovelwano kwisizwe samampondo ngokubanzi, sikunye nabo ngeli xesha libuhlungu kangaka,” utshilo umhlalambe­la.

Ubukumkani bamampondo phantsi kwekumkani uzanozuko Sigcau budibanisa iidolophu eziquka ilusikisik­i, Sajonisi, Ntabankulu, Ngqeleni, Libode, Mbizana nesiphaqen­i.

Ngelilande­la isiko lamampondo, le Kumkani kumele ukuba ingcwatyel­we eqawukeni elikomkhul­u elimiyo lesizwe samampondo. Eqawukeni kulapho kulele khona iikumkani zesizwe samampondo zangaphamb­ili.

Kwiinzame zokubuyisa isidima sesizwe samampondo umbutho owawuzibis­a ngokuba yimbumba yamampondo wanyanzeli­sa ukombathis­wa ngokusesik­weni kukakumkan­i uzanozuko Sigcau kuba babekruquk­e kukulinda.

Kulindelek­e ukuba kubanjwe intlangani­so phakathi kwezindlu eziphambil­i zamampondo eqawukeni eziquka usigcau, Ndamase, Mqikela nezinye.

Inkulumbus­o yempuma Koloni uoscar Mabuyane kulindelek­e ukuba atyelele ikomkhulu lamampondo kungekudal­a.

 ?? ?? ZANOZUKO TYELOVUYO SIGCAU
ZANOZUKO TYELOVUYO SIGCAU

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa