Isolezwe lesiXhosa

Umiss SA ka2022 angaphuma esteke

- SIM FREDDIE SIMPHIWE.FREDDIE@INL.CO.ZA

UAYANDA Tloti uzelwe ngomhla we14 kweyethuph­a kwiminyaka engama24 eyadlulayo, kwaye ngolu suku kulo nyaka, uza kube efinca iminyaka engama25 walibonayo ilanga.

Ikwayile nyanga inye apho aza kube econdoba phambi kwengingin­ya, enethemba lokuthwala isithsaba sikamiss South Africa 2022.

Inkaba yakhe ikwilali yasemakhet­heng esterkspru­it empuma Koloni. Oku kumenza azingce ngokubayin­tombazana yasezilali­ni.

Akamhlanga nje kuphela, kodwa ukwabonaka­lisa iimpawu zobunkokhe­li kwaye ukrelekrel­e.

Utloti unesidanga seyunivesi­thi yaserhawut­ini (UJ) kwifine Arts. Sesi sidanga esimenze azivulele iadnaya Art yeendidi zemizobo yakhe ayenze ngezandla zakhe.

Kule nyanga kacanzibe, yena neenzwakaz­i ezimbini zasempuma Koloni baye babhengezw­a njengabaza kukhuphisa­na nezinye iinzwakazi kwitop 30.

Encokolela I'solezwe, utloti uthi unethemba lokuba itayitile kamiss SA iza kulala empuma Koloni.

“Kwale yokuba ndibe kwitop 30 ithetha lukhulu kum. Yintoni ke engandivim­ba ukuba ndingayi phambili? Ndikholelw­a ukuba sinako ukuphumele­la,” kutsho utloti.

Uthi sele kukuninzi abakuzuze kuqeqesho lukamiss SA kususela oko beqalile nalo.

“Sixhotyisw­a ngako konke, nokuba ubani akanokuphu­melela, kodwa zininzi iimfundiso aza kuphuma nazo.”

Utloti uqale eneminyaka eli13 ukuzibanda­kanya noonobuhle. Ebehlala ebukela iinkqubo eziliqela zefashoni kumabonaku­de. Uthi nkqu nomama wakhe behlala ethe ntshoo amehlo wakhe kumabonaku­de, ezibukelel­e umiss SA.

Eli gqiyazana likwakhole­lwa ukuba lonke inina elinomdla wokungenel­a umiss SA lingenza njalo kuba olu khuphiswan­o lufuna iingcinga ezikrelekr­ele ngaphezu kwendlela ubani abukeka ngayo.

“Lonke inina elifuna ukuzixhobi­sa nokuzifund­isa lingangene­la,” kucebisa utloti.

Uthi naye ucetyiswe sisihlobo sakhe ukuba angenele.

“Wandibuza ukuba ndingathin­i ukungangen­eli ndakube ndingumntu okhathalel­a abanye, obeka abanye kuqala, nophucula iimpilo zabo bandingqon­gileyo.”

Utloti uthanda ubasetsana Khumalo owaba linina lokuqala elintsundu ukuphumele­la umiss SA ngo1994, uthi xa ejonge ukhumalo ubona yena. Uthi wahlala embona rhoqo nanjengoko bengena ecaweni enye.

Le nzwakazi egqame phakathi kwezinye ngeenwele zayo ezimnyama, ezinkulu neziqaqamb­ileyo, isikhumba esintsundu esikhaziml­ayo, ikwadize ukuba ayingomseb­enzi mninzi ukukhathal­ela isikhumba sayo, unwele nomzimba wayo kuba zezendalo.

Utloti ugqibezele ngokukhumb­uza amanina ukuba mawaphakam­e azimele, azixhobise, azi amalungelo awo.

Xa uvotela utloti ungangena kwiwebhusa­ythi kamiss SA, kwawww.misssa.co.za uye KUVOTE NOW ukhethe uayanda Tloti.

 ?? ??
 ?? ?? Inzwakazi yasesteke ingenele umiss SA 2022
Inzwakazi yasesteke ingenele umiss SA 2022

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa