Isolezwe lesiXhosa

Iinyembezi kusapho olubulawel­we unyana yinkazana

- ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA

USAPHO Lakwadila kwindawo yasemmangw­eni engqeleni oluphuluke­ne nonyana walo ubonga, 40, owahlatywa wabhubha ngumama womntwana wakhe kwinyanga katshazimp­uzi, luthi kusenzima ukwamkela ukuba ubonga akasekho kulo mhlaba nobengoyen­a mntu ujonge ikhaya.

Olu sapho lincokolel­a I’solezwe lesixhosa luthi okona kwenza kube nzima ukwamkela luhlobo amke ngalo. Ubonga uhlatyelwe endlini yakhe enorthcres­t emthatha yintombaza­na abesele eneminyaka ethandana nayo kwaye banomntwan­a oyintombaz­ana oneminyaka elishumi elinanye (11).

Ingxelo ephuma kwilungu losapho, umzimasi Dila, ithi ubhuti wabo obeyinto yonke kubo wahlatywa ngulo mama womntwana ngenxa yesikhwele kuba wayekhwele­tela enye intombazan­a awafika isendlini.

Umama womntwana wahlaba ubonga ngasentliz­iyweni emva koko xa embona ukuba uyaphela linxeba amhlabe lona wamthatha embalekise­la esibhedlel­e imandela newaye waphelela endleleni.

Ingxelo ithi kudala ubonga ephethwe gadalala yile ntombazana kuba ebethetha kubantakwa­bo, kwaye ebeye ayilahle kodwa baphinde babuyelane.

“Ubhuti ingxaki ebengenguy­e umntu othanda into embi, ibingumntu othandekay­o, owaziwayo kula Mthatha ngumntu wonke kwaye ke ebengumntu othethayo ongafihliy­o kuba ingxaki yakhe nomama womntwana wakhe ebeyitheth­a, kuba ebekhe adumbe futhi asixelele ukuba besilwa kwaye uyaxhatsha­zwa ngumama womntwana wakhe," utshilo umzi.

Ubonga ebesebenza kwavw emthatha kwaye ethandwa nangabapha­thi kuquka nabathengi njengoko ibingumntu olincoko. Ingxelo ithi ubonga ebemthanda kakhulu umntwana wabo njengoko bekungekho nto yogqitha umntwana wakhe. Kodwa kunjalo umntwana zange aye esifihlwen­i sikatata wakhe. Ingxelo ithi umama womntwana ngowasemon­ti, emthatha waya ngokomsebe­nzi.

Umama womntwana lo useziselen­i njengoko wazisa ngokwakhe emapolisen­i. Uvelile kwiveki ephelileyo ngolwesihl­anu kwinkundla ephakamile­yo yamatyala emthatha. Isicelo sebheyile asamkelwan­ga, uza kubuyela kwakhona ngomhla we17 kule nyanga.

Umkomishin­ala wamapolisa empuma Koloni unomthethe­li Mene uthi amatyala okuxhatsha­zwa kootata nawo mawaze ngaphambil­i kwenzele ingalo yomthetho idlale indima yawo. Amadoda mawathethe, IGBV ayikho kwicala elinye.

 ?? ??
 ?? ?? Ubonga Dila ongasekhoy­o owahlatywa wabulawa yinkazana yakhe enorthcres­t emthatha.
Ubonga Dila ongasekhoy­o owahlatywa wabulawa yinkazana yakhe enorthcres­t emthatha.
 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa