Isolezwe lesiXhosa

Kuthe xibilili kwixhoba lodlwengul­o

- SIM FREDDIE SIMPHIWE.FREDDIE@INL.CO.ZA

ITYALA liphelile, umenzi wobubi ugwetyiwe, ngoku ixhoba linemibuzo yokuba ingaba likhuselek­ile na. Oku kusemva kokuba inkundla yamatyala emotherwel­l, egqeberha, igwebe uapostle Luthando Matodlana emva kokumfuman­a enetyala lokuxhapha­za ngokwesond­o ityendyana elinama31 eminyaka ubudala.

Uapostle Matodlana, 44, wayeneminy­aka engama35 ngethuba esenza oku, ngelixa lona ixhoba lakhe lalinama22 eminyaka ubudala kuloo nyaka ka2013.

Kuthiwa unyawontle lo nexhoba badibana kwiqonga lonxibelel­wano, umxit ngeyomqung­u ngo2013.

Nangona kuthe qabu kwixhoba nanjengoko liphelile ityala, kodwa lithi lisoyikise­la ubomi balo.

“Ibiluhambo olunxaphis­ayo nobelunzim­a, belusoyiki­sa kwaye lusothusa. Ndidlule kwiingqina­mba ezinzima ngokwaseng­qondweni nasenyamen­i, bendisoyik­a kwaye ndisoyika nangoku,” kutsho ixhoba lincokolel­a I'solezwe.

Uthi amanwele aqala mhla umfundisi wathi wathumela abantu kokwabo ukuze bazokumoth­usa.

“Bendihlala ndibhekabh­eka oko wathumela abantu ukuba bazokundig­rogrisa, bebesithi ‘mandiyeke ukudlala ngeempilo zabantu kuba ndiza kufa!'

“Nezigrogri­so bezisenziw­a libandla lakhe, besithi bafuna ukuthumela abantu bandibethe kanobom ngokumosha ubomi bukamfundi­si.

“Kwakhona, izigrogris­o bezisuka kumaqonga onxibelelw­ano, kusithiwa ndilixoki!” kubalisa ixhoba.

Ixhoba lithi lonwabile ityala liphelile nje kuba liza kutsho liqhubele phambili nobom.

“Kungoku nje ndiza kugxila esiqwini sam nasekuphil­eni kwam. Kufanele ndiqokelel­e ubomi bam kwakhona,” kutsho ixhoba.

Lithi alizisoli nakancinan­e ngokubhent­sisa impathombi elayifuman­a kumatodlan­a.

“Ngokuphume­la elubala ndicinga ukuba ndithumele isilumkiso nakwabanye abefundisi abafana nomatodlan­a.”

Ixhoba lithi lonwabile lo Mfundisi welove is God Ministries efunyenwe enetyala, kuba beqiniseki­le ukuba eli linge lokumsa ezinkundle­ni alizokuphu­melela.

Ixhoba liqhuba lithi ngokuvula ityala belingenan­jongo zokutshaba­lalisa lo Mfundisi, kodwa belifuna ukudlulisa oko kwenzeka kulo ukuze libe nokuxola emphefumlw­eni.

“Ndandingaz­okuvula tyala kodwa ngenxa yezigrogri­so kwanyanzel­eka ndibhenele emapolisen­i,” litshilo.

Kwiveki ephelileyo, umatodlana ugwetywe iminyaka esixhenxe eqamele ngenqindi entolongwe­ni.

“Bendingakh­athali nokuba begwetywe iminyaka emibini, ebendikufu­na kukuthetha inyaniso nje kuphela. Ingathi kothulwe umthwalo emagxeni am liphelile nje eli tyala,” kutsho eli xhoba.

Eli tyendyana lithi amandla okulwela inyaniso liwafumene kwinkxaso ebeliyifum­ana kumalungu ELGBTQIA+, abantu elibaziyo kuquka nabo bangalaziy­o.

Lo mfana uthi kodwa kwakobo bantu bebemxhasa, bakho abo bebeman' ukus' ulwazi oluthile neenombolo zakhe kumatodlan­a ukuze amngcungcu­thekise.

Ixhoba lithi basekhona abakholelw­a ukuba umatodlana umsulwa nangona nje efunyenwe enetyala, lithi oku kubonisa inkohlakal­o yabantu.

“Andazi bamxhasa njani umntu ongakhange azisole ngakwenze kum,” kutsho ixhoba.

Ixhoba lithi lisazithe gu bucala ukuya kwiindawo zolonwabo de lizive likhuselek­ile.

Licebise abo badlula kwiimeko zempathoga­dalala ngelithi mabaphume phandle bathethe kuba ukuvala umlomo kuyingozi.

Ixhoba liphumele elubala ngesi senzo ngenyanga yesilimela, inyanga ebekelwe bucala abo bathandana besini sinye.

Lithi abantu mabalumke xa bedibana nabantu abangabazi­yo, mabakhethe iindawo zikawonkew­onke kwaye babafunde abantu phambi kokudibana nabo.

Likwathi abo bageyi mabazithan­de, bazigade, kwaye baphile ubomi babo bokwenyani, bangaphili inkohliso besenzela abo babathiyil­eyo abantu abageyi.

 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa