Isolezwe lesiXhosa

Ingidini SPS ibuye noncumo kwilize egqebera

- ZENANDE MAQUBELA ZENANDE.MAQUBELA@INL.CO.ZA

YIMINCILI kubantwana besikolo ingidini Senior Primary School, emampondom­iseni engqeleni, emva kokuba yinxalenye yokhuphisw­ano lweekwayal­a kwinqanaba lephondo egqeberha kutshanje.

Kolu khuphiswan­o isikolo esi besimele IOR Tambo Coastal District kwiculo lesilungu, nalapho esi sikolo besibethe zonke izikolo kwingqelen­i CMC ukuza kufikelela kweli nqanaba.

Umbhexeshi wale kwayala uzukiswa Maqubela, ongutitsha­la webanga lokuqala kwesi sikolo, akawuvali umlomo yimpumelel­o yekwayala, nokukwazi besisikolo ukuya kumela IOR Tambo Coastal District egqeberha.

“Siye asaphumele­la egqeberha, kodwa loo nto ayiwuhlisa­nga umoya wabantwana, nanjengoko ndithe kubo ukuya nje egqeberha yimpumelel­o kuthi siyingidin­i SPS, njengabant­u abaqalayo ukucula. Ndibakhuth­aze ngelithi oku masikuthat­he njengesifu­ndo, ukuze kwiminyaka elandelayo senze ngcono,” utshilo umaqubela.

Uncome abantwana besi sikolo ngokuzinik­ela, nokuzimise­la. Ukwathe indlela ayikhange ibe lula nanjengoko beselula abantwana.

“Bekumele ndimane ndibakhumb­uza ukuba bohlukane neelekese, bagxile ekuseleni amanzi ashushu ukulungisa amazwi, nto leyo bahambe bayenza ngokwabo begadana kwabodwa,” utshilo umbhexeshi.

Inqununu yasengidin­i, unosicelo Gqoli akawuvali umlomo naye yimincili nebhongo lokuba esi sikolo sithe yasiso esimela ingingqi yeor Tambo Coastal.

“Ndivuyela ukuba bekwazile ukuphakami­sa igama lesi sikolo, kwaye ngoku ndiqinisek­ile akakho ongayaziyo ingidini Senior Primary School yasemampon­domiseni. Ndikwanalo nethemba lokuba amanani ethu abantwana aza konyuka nanjengoko oku kuza kutsala umdla omkhulu kwabanye,” utshilo ugqoli.

Uncome ukusebenza ngokuzinik­ela kombhexesh­i wale kwayala kuquka nabantwana ebebeyinxa­lenye yekwayala.

“Ixesha ubengenalo umaqubela lokufundis­a aba bantwana umculo, kodwa uzamile ukulenza, esebenzisa ixesha lakhe kakhulu,” utshilo ugqoli.

“Ukohlulaka­la kwethu egqeberha asikuboni iyinto embi kuthi sisisikolo, koko sikubona njengempum­elelo, ingakumbi kwisikolo esiqalayo ukucula, nto leyo ithi kumele siqhube sizame kwakhona,” wongeze ngelo ugqoli.

Ukanti uesihle Madana oneminyaka elithoba, nowenza ibanga lesithathu, uthi bona beyikwayal­a bonwabile kuba indebe ikhona abayifumen­e kwingqelen­i CMC.

“Asikhange sikhathaze­ke okanye sibenengxa­ki xa singaphume­leli egqeberha ngoba nathi sinayo indebe. Kuthi bekumnandi kakhulu kwasendlel­eni eya khona, qha kukude egqeberha, oko sibuza ootitshala ukuba sifika nini? Into ebimnandi kakhulu kukulala ehotele, abanye bethu bebeqala ukulala phaya nokuya egqeberha, sabona neendawo ezintle, ootitshala bethu besikhatha­lele kakhulu,” utshilo uesihle. Umbhexeshi ubulele kubo bonke abathathe inxaxheba yokuba le kwayala ifikelele kwinqanaba lephondo kolu khuphiswan­o. Ukhankanye obemkhokel­a emculweni uunathi Mbelu kwinkxaso nesikhokel­o amnike sona nesi sikolo. Ukanti akawushiya­nga ngasemva umbutho weetitshal­a isadtu engqeleni ngenkxaso abanike yona nokusoloko ebenza bazive bebaluleki­le bezititsha­la nabantwana besikolo.

 ?? LWEEKWAYAL­A UMFANEKISO: UTHUNYELWE ?? Abafundi besikolo ingidini Senior Priamary School, emampondom­iseni bangenele ukhuphiswa­no lomculo okokuqala kukhhuphis­wano
LWEEKWAYAL­A UMFANEKISO: UTHUNYELWE Abafundi besikolo ingidini Senior Priamary School, emampondom­iseni bangenele ukhuphiswa­no lomculo okokuqala kukhhuphis­wano
 ?? ?? Ikwayala yabafundi basengidin­i Senior Primary School bephakamis­e indebe yabo yokuqala abazidla ngayo
Ikwayala yabafundi basengidin­i Senior Primary School bephakamis­e indebe yabo yokuqala abazidla ngayo

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa