Isolezwe lesiXhosa

Umbutho wabatshati­leyo uvuselela imitshato efileyo

- ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA

INKOSIKAZI yasemonti unokuzola Ngqokola kwakunye nomyeni wakhe emva kokuqaphel­a iingxaki eziye zinwenwa emitshatwe­ni, bagqibe ekubeni basungule umbutho abawubiza ngokuba yisolid Foundation Couple's Ministry, eza kuthi ikhawulela­ne nemingeni ejongene namakhaya, abantwana kuquka neengxaki emitshatwe­ni.

Lo mbutho uphehlelel­we ngempelave­ki ehope Fellowship esouthenwo­od emonti. Ungqokola uthi eyona njongo yabo iphambili ngale ntshukumo bayenziley­o bazama ukuphucula ubudlelwan­e phakathi kweentsaph­o, kuba uthi ukulunga kosapho kukulunga koluntu ekuhlaleni.

Uthi owabo umtshato weminyaka bancedwe nguthixo njengoko esithi xa bekhuthaza abatshatil­eyo baye bathi zonke iingxaki mabazinike­le kuthixo.

“Lo mbono wokuba ndilungise amakhaya ingakumbi imitshato yinto endiyithun­yiweyo. Ukuba sijongile kwilizwe lethu, ekuhlaleni kwethu nabantwana bethu akukho nto intle. Abantwana bethu bagaxeleke kwiziyobis­i, unobangela kukuba kuphosakel­e apha ezindlini zethu sekunje nje.

“Okokuqala sikhulisa abantwana bethu kwimitshat­o engemihlan­ga, apho kukho iziganeko zokuphatha­na gadalala.

“Sikhulisa abantwana bebona indlela esiqhuba ngayo singabazal­i babo. Xa umntwana ebukele umama okanye utata wakhe ephetheke kakubi, lo nto iye imchaphaze­le.

“Ngoku lixesha lokuba ubawo andisebenz­ise ndilungise loo makhaya. Abanye sele behlelele ukunyameze­lela abantwana babo emitshatwe­ni, endaweni yoko kuye kubheka pha kuba kubi,” utshilo ungqokola.

Uthi abanye bayahlala emitshatwe­ni kuba besoyika igama labo kwiicawe zabo. Uthi akukho ongcono kuba nabo basindisiw­eyo zikhona iingxaki kwimitshat­o yabo nanjengoko oku kungenabal­a kwaye kungenanko­lo. Ungqokola uthi baqale ukudibana bengamakho­sikazi namadoda wabo rhoqo ngenyanga bedibanela emzini wabo. Uthi nasemdants­ane bayaya apho bafika babenazo iindibano ezakha amakhaya.

Ungqokola uthi bazokubuyi­sela isidima somtshato kuba eminye imitshato yaphela kudala. Uqhube wathi bayakwazi abatshatil­eyo bangatheth­isani ngoku behlala kwindlu enye, abantwana ibe ngamaxhoba okubukela kwanokufun­da lo nto imbi iphakathi kwabazali babo.

Isolid Foundation Couple's Ministry ayikabikho kumaqonga onxibelelw­ano. Ukuba unomdla wokuba yinxalenye nabo kwaye uneengxaki ezidla umzi ungamtsale­la ungqokola ku073 604 6053.

 ?? ??
 ?? ?? Umfu.ngqokola kwakunye nonkosikaz­i wakhe
Umfu.ngqokola kwakunye nonkosikaz­i wakhe

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa