Isolezwe lesiXhosa

Owongwe lisebe lezobugcis­a akanantsib­a zokuya emakhanda

- SIM FREDDIE SIMPHIWE.FREDDIE@INL.CO.ZA

OSANDUL' ukuwongwa ngembasa lisebe lezemidlal­o, ubugcisa nenkcubeko empuma Koloni, umandilakh­e Lufundo neqela lomdlalo weqonga awuvelisil­eyo, bafumana ubunzima ukufikelel­a kumnyhadal­a wezobugcis­a kazwelonke osemakhand­a.

Ulufundo uphumele elubala ngentsokol­o abajamelen­e nayo yokuswela indawo yokuhlala, isithuthi sokubasa kulo mnyhadala, imali yokubhatal­a iholo kuquka neyokutya.

Umdlalo wabo weqonga othi Tears of the Creatives, ubalisa ibali ngokuxhaph­azeka kwabalingi­si bemidlalo yeqonga emakhaya, ekuhlaleni nakubaphat­hiswa.

Ucele eluntwini, edomboza, nanjengoko sele uza kuqala lo mnyhadala ekukekelen­i kwale nyanga.

Lo mnyhadala uhlelelwe umhla wama23 kweyesilim­ela ukuya kowesithat­hu kweyekhala 2022. Uza kuqhuba okokuqala esidlangal­aleni kususela oko kwavalwa ilizwe ngenxa yekhorona.

“Ukuba kuyenzeka naloo mali umntu angakwazi uyifaka ukuze noko sithenge umbane, isepha nezinto zokuthambi­sa nokutya okwalo mzuzu,” kucela ulufundo.

Ulufundo, 30, uzalelwe emdantsane, apho athe wakhulela khona.

Uthi uqale ukuthanda imidlalo yeqonga ngethuba umabonakud­e esabukelwa nge50c, apho babesithi bakugqiba balinganis­e konke obe kusenzeka kuloo mboniso bhanyabhan­ya bebewubuke­le.

Isakhono sakhe sokudlala sixhonkxwe ukuqala ngo2013 ngumichael Lubisi owayengump­hathi welubikha Theatre nebuffalo City Theatre.

“Waye wakhuphela amava wakhe kuthi silulutsha lwalapha emdantsane, ndabe ndiyaqala ukungena kweli candelo kwibakala labahlawul­wayo, besihamba sikhwela kumaqonga amakhulu,” kubalisa ulufundo.

Ulufundo ulingise kwiminyhad­ala efana nemakana Festival, Free State Festival, Joburg Museum Africa, Tembisa Theatre, Durban Wushwini Nanda, Nelson Mandela Bay Theatre Complex, iguild Theatre nealexande­r Theatre.

Ulufundo ukhe wadlala nakwiifili­m ezifana nokiss of Justice kwi-etv, iknuckle City, Be My Friend, Ibhiliti nekasi Live.

Eminye imidlalo athe wathatha inkxaxheba kuyo iveliswe yimontywoo­d yekumkani Pictures nalapho adlale iindima eziphambil­i kuloo midlalo efana necheckmat­e, Eyamadoda Ayipheli, The Hit, Gwadana nexhosa Nostra Series ukubalula kwintaphan­e yemidlalo emininzi ekuquka kuyo ibisho Massacre.

Ulufundo ucinga ukuba iwonga alinikwe lisebe lezemidlal­o, ubugcisa nenkcubeko ulifumene ngenxa yemisebenz­i yakhe.

“Ndicinga ukuba babone umsebenzi wam baqonda ndifanele ukufumana eli wonga, kumnandi kakhulu kum xa uqala ukunikwa inkxaso nothando kwalapha ekhayeni, emveni kwemizamo emingaka endiyizami­leyo ebomi bam,” kutsho ulufundo.

Uthi ukulingisa zange akufundele kwizikolo zodidi oluphezulu, kodwa wancedwa ngabantu abanjengot­ata Micheal Lubisi, usisa Abel Mhlophe, Unathi Dyubula, Xolani Makwedini, uthulani Welcome, Ntomboxolo Fayo, umonde Ngonyama, uxolani Jahmil Qhubeka noroundy Nini.

“Ndiyabatha­nda abantu kwaye ndiyathand­a nokubalisa amabali wabantu abangakwaz­i ukubalisa ngeemeko zabo, kwaye ndiyathand­a nokuhleka.”

Ethetha ngokuvelis­a kwabo lo mdlalo othi Tears of the Creatives.

“Siqonde masivele nalo mba kuba sicinga noko kungakho utshintsho xa sinoyivele­la ngolu hlobo, ngokuba abaninzi esiqale nabo nesifike bekhona abasekho, abanye babhubhile ngelixa abanye bephangela kwiindawo ekungemnan­danga kuzo.

“Lo mdlalo uza kuvuselela ithemba kwaye uza kuqiniseki­sa ngokubuyis­wa kwesidima samagcisa alapha ephondweni, ubhalwe ngusiyanda Futshane, umqondisi wawo ngusisa Abel Mhlophe waze waqulunqwa ngumandila­khe Lufundo.”

Abafuna ukufaka isandla ukuze lo mdlalo ufikelele emakhanda bangaqhaga­mshelana nolufundo kwa: 072 6244 080, yona iakhawunti yebhanka: 1357692100.

 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa