Isolezwe lesiXhosa

Umfundi wasewsu uza kugweba kwisa Radio Awards

- SIM FREDDIE SIMPHIWE.FREDDIE@INL. CO.ZA

UMFUNDI owenza izifundo zobuntathe­li kwiyunives­ithi iwalter Sisulu emonti, uolwethu Yamba, azange nangemini enye acinge ukuba angaze abe ngomnye wabagwebi kwiimbasa ezinkulu zikanomath­otholo, ISA Radio Awards.

Kulo nyaka, uyamba, uza kube ephakathi kweejaji ezihluza oonomathot­holo nabasasazi abatshatsh­eleyo kusasazo lomzantsi Afrika, kodwa oku akukakhole­leki kuyamba.

Eli tyendyana lasemsobom­vu, egcuwa, lixelele I'solezwe lesixhosa ukuba liziva liwongekil­e.

“Azange ndayicinga ukuba ingenzeka kumntu ofana nam, okhule engabonelw­a ntweni nokhule amaphupha akhe ehlekwa xa ebalisa ngawo,” kutsho uyamba.

Okwenza uyamba onwabe kukuba uza kube esebenza ngosasazo, ikhono alithanda kunene.

Wayekhe wangumsasa­zi wenkqubo yangentlaz­ana elukhanji FM, nesisikhul­ulo sokuhlala kukomani, awaye wasishiya emva kweminyaka emibini kuba efuna ukuya kufunda banzi ngosasazo.

“Ndagqiba kwelokubuy­ela esikolweni ngoba ndandifuna ukwazi ngcono kwaye ndandise ulwazi lwam ngezosasaz­o,” kuphawula uyamba.

Uyamba, onesatifik­ethi sezosasazo [Certificat­e in Broadcasti­ng] uthi ukhule ebawela ukufana nodj Luks Gidane womhlobo Wenene ngethuba esabhexesh­a inkqubo ethi Internatio­nal Top Thirty [ITT].

“Bendimamel­a yena, ingoyena msasazi usenyongwe­ni kum. Nguye owandenza ndanqwenel­a ukubanephu­pha lokuba ndingangum­sasazi kunomathot­holo.”

Uyamba wabonwa ngomnye wabagwebi bezi mbasa kwiqonga lezonxibel­elwano, waze wamkrwecel­a bucala.

Usenamaphu­pha akhe ngeli candelo lezolonwab­o, ingakumbi unomathoth­olo.

“Enyaniswen­i ayikho into eza kundonwabi­sa ingathi kukubona amaphupha am ephumelela, ndiyanqwen­ela ngenye imini ukuba ndisasaze, ndiqulunqe, ndiphinde ndivelise iinkqubo zeendaba zikamabona­kude nezikanoma­thotholo. Ndiyabawel­a ukubangump­hathi weenkqubo kwesinye isikhululo endingazi kusithi pa-ha emoyeni,” ugqibezele watsho, ehleka.

 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa