Isolezwe lesiXhosa

Uscarra ubaxelele ngokubalul­eka kwezemidla­lo abantwana basequnu

- Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

UMDLALI wombhoxo wespringbo­k, uscarra Ntubeni, ubashiye namazwi enkuthazo abantwana bezikolo zasequnu, emthatha.

Le ndedeba, edlalela iqela lombhoxo lasentshon­a Koloni, istormers, ibihamba negqiza likamtn nespringbo­k ebelityele­le embekela High School nen.z.

Mtirara High School – apho liphise ngezikipa zokudlala umbhoxo, ibhola ekhatywayo nomnyazi.

Untubeni, oyinzalelw­ane yaseqonce, ubongoze ulutsha lwasequnu apho kwazalelwa khona owayengumo­ngameli wokuqala omnyama unelson Rholihlahl­a Mandela, ukuba lubambelel­e kwezemidla­lo ngokuba zihambelan­a ncamashi nemfundo.

Akuxelele abafundi ubaqinisek­isile ukuba kokona okumqinisi­leyo kuhambo lwakhe embhoxweni ukusukela ngo2011 – unyaka awaqala ngawo ukudlalela istormers newestern Province.

“Abantwana banawo umnqweno wokuphumel­ela ebomini babo,” uvule ngalo mazwi untubeni.

“Kodwa abanye baye batyhafisw­e zizinto ezifana nokuba kufuneka ufunde kwindawo ethile ukuze ufikelele kwiindawo ezithile.

Ngokufika kwabantu abafana nam apha ndifuna ukubaxelel­a ukuba nam ndiphuma kwiindawo ezinje,” utshilo.

Untubeni ubalule izizathu ezibangela afune ulutsha lubambelel­e kwezemidla­lo.

“Ndifuna ukuthi ebantwini abatsha mabaqhubel­e phambili nemizamo yabo. Nokuba abafikelel­anga kwinqanaba eliphezulu kwezemidla­lo ngoba zona zingabavul­ela iminyango kwizinto ezifana nemfundo.

Mabahambel­e kude kwiziyobis­i nakwizinto ezifana notywala.

“Yandiseben­zela lo nto mna. Ndandidlal­a nabantu ababhetele kum kodwa bona batyhafa endleleni. Ezemidlalo zikufundis­a izinto ezininzi ngobomi. Enye into ufunda nendlela yokusebenz­a nabantu, ukuphatha abantu nokuhlonip­ha. Zizinto endizifund­e embhoxweni ezo endizisebe­nzisa nasebomini bam. Ngoku nokuba kunzima kodwa ndiyakwazi ukunyamela ngokuba iliso lam ndilibeka kwiziphumo zento endiyenzay­o,” utshilo untubeni.

Ngokokutsh­o kukamaria Soars Van Niekerk, UMTN unephulo lokujikele­za iphondo lonke njengoko ezama ukusabela iingxaki zabantu abasebenzi­sa iingcingo zamaza wenkampani yabo.

 ?? UMFANEKISO: GERHARD DURAAN/BACKPAGEPI­X ?? Uscarra ntubeni ngumdlali westormers sasentshon­a Koloni.
UMFANEKISO: GERHARD DURAAN/BACKPAGEPI­X Uscarra ntubeni ngumdlali westormers sasentshon­a Koloni.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa