Isolezwe lesiXhosa

Utinkler uqhwabela iqela lakhe elibuyela kwicaf

- Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

ULINCOMILE watsho eliqhwabel­a izandla iqela lakhe ueric Tinkler emva kokuvala isizini endaweni entle.

Icape Town City ifumene indawo yesibini kwisizini yedstv Premiershi­p evalwe kutshanje. Ngokwenza njalo, iqela likatinkle­r lifumene itikiti lokumela umzantsi Afrika kwicaf Champions League kunye nemamelodi Sundowns ethathe indebe yedstv kwakhona.

Ibuyela okwesibini icape Town City kwichampio­ns League emva kokuyinced­a kwisizini yayo yokuqala eminyakeni egqithiley­o.

Konke oku kwenzeke emva kokuba ikaizer Chiefs neorlando Pirates zingakwaza­nga ukusebenzi­sa imidlalo yazo ebinokuzib­uyisela kwichampio­ns League.

Ngaphandle kokuqhuba kakuhle kwidstv, icape Town City yabethwa emdlalweni wokugqibel­a WEMTN8 ekuqaleni kwesizini ka2021/22.

Ezo zinto zimchuluma­ncisile kakhulu ueric Tinkler obuyiswe ngabaphath­i bakhe emva kokuhamba nzima kakhulu kwecity of Cape Town phantsi kukajan Olde Riekerink wasedutch.

“Bekukuhle ukubona wonke umntu esebenza ngokuzimis­ela. Senze imbali ngokuba liqela elingaphul­ukananga namdlalo kwelishumi elinesitha­thu.

Eyona nto ebaluleke ngaphezulu kwezinto zonke kukuba sivale isizini sihleli kwindawo yesibini kwidstv Premiershi­p,” utshilo utinkler emva kokusongwa kwesizini.

Kufuneka iqela likajohn Comitis liqule liligangat­he ngoba liza kuxakeka kakhulu kwisizini ezayo.

“Umsebenzi wesizini elandelayo uqala kwangoku ngoba amaqela amaninzi aza kufuna ukubetha thina. Indlela esidlale ngayo kufuneka singene nayo kwisizini elandelayo. Izinto ziza kuthanda ukuba nzima ngoba kukho nendebe yehlabathi esekuphele­ni konyaka. Siza kudlala kwicaf Champions League, kubaluleki­le ke kuthi ukuya kuyo sizilungis­elele. Nangona kunjalo, kufuneka abadlali bethu baphumle ngokwanele­yo kodwa ekupheleni kwenyanga yesilimela kufuneka babuyele enkampini,” utshilo utinkler.

Iindaba ezimnandi unozinti wakhe, uhugo Marques, ufumene iwonga likanozint­i oqaqambile­yo kwisizini egqithiley­o.

 ?? ??
 ?? UMFANEKISO: GAVIN BARKER/BACKPAGEPI­X ?? Umqeqeshi wecape Town city, ueric Tinkler nabadlali bakhe, emdlalweni wedstv Premiershi­p.
UMFANEKISO: GAVIN BARKER/BACKPAGEPI­X Umqeqeshi wecape Town city, ueric Tinkler nabadlali bakhe, emdlalweni wedstv Premiershi­p.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa