Isolezwe lesiXhosa

Umngqithi udiza okwenza iqaqambe isundowns!

- PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

OWAYECINGA ukuba imamelodi Sundowns iza kugqwidiza emva kokuhamba kukapitso Mosimane wayephazam­a. Iqhubela phambili nomsebenzi eyayiwenza futhi inendawo ethe chatha ngoku phantsi kwamadoda amathathu, umanqoba Mngqithi, urulani Mokwena nosteve Komphela.

Enze into emangalisa­yo kwisizini ephelileyo ngokuthath­a zonke iindebe ezikhoyo.

Kwiveki egqithiley­o, isundowns ivale isizini ngenedbank Cup eyizuze emva kokubetha imarumo Gallants ngo2-1 emdlalweni obushushu ngeyona ndlela eroyal Bafokeng Stadium, erustenbur­g.

Amanqaku empumelelo aze nefolosi eyingozi kakhulu, upeter Shalulile nothapelo Morena.

Indebe yesithathu ifike kukho eyedstv Premiershi­p neyemtn8 efunyenwe yisundowns ekuqaleni kwesizini ka2021/22.

Impumelelo yesundowns ayothusi ngoba inabaqeqes­hi nabadlali abasemgang­athweni ophezulu.

Ephawula ngezona zinto ezinceda idowns, umngqithi oyintloko yabaqeqesh­i, uthe ukungaphaz­anyiswa kwabo bengabaqeq­eshi ngunozala wempumelel­o efunyenwe liqela lakhe.

Kwaye akakholelw­a ukuba kukho umsantsa omkhulu phakathi kwamanye amaqela nesundowns.

Yena uqhwabele abaphathi bakhe ngokungafa­ki iimpumlo zabo emsebenzin­i wabaqeqesh­i.

“Umahluko awumkhulwa­nga phakathi kwesundown­s namanye amaqela. Iinkcukach­a esizifuman­a emidlalwen­i ziyayingqi­na lo nto,” utshilo umngqithi.

“Ndiyavuma ukuba akululanga ukukhuphis­ana nesundowns. Lo nto yenzeka ngenxa yomgangath­o ophezulu wabaqeqesh­i abayiqeqes­hayo. Siphononon­ga yonke into phambi kokuya emdlalweni. Izimvo zabantu abohlukene­yo xa zidityanis­iwe zizo ezenza kubekho iziphumo ezincomeka­yo. Ndiyamncom­a ke usihlalo wedowns (utlhopie Motsepe) owasinika igunya lokuthatha izigqibo singabaqeq­eshi,” utshilo umngqithi emva kokuphumel­ela inedbank Cup.

Emva koko, idowns izithaphul­ele kumawonga okuvala isizini EPSL. Ushalulile ufumene iwonga lamanqaku nelomdlali ovotelwe ngabanye abadlali. Kanti uandile Jali uzuze elomdlali wonyaka. Umngqithi norulani bafumene iwonga lomqeqeshi oqaqambile­yo.

 ?? UMFANEKISO: SYDNEY MAHLANGU/BACKPAGEPI­X ?? Abadlali bemamelodi Sundowns bebhiyoza kwiveki ephelileyo emva kokubetha imarumo Gallants emdlalweni wenedbank Cup, eroyal Bafokeng Stadium.
UMFANEKISO: SYDNEY MAHLANGU/BACKPAGEPI­X Abadlali bemamelodi Sundowns bebhiyoza kwiveki ephelileyo emva kokubetha imarumo Gallants emdlalweni wenedbank Cup, eroyal Bafokeng Stadium.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa