Isolezwe lesiXhosa

Umabaso uvuma ukugqwidiz­a kwepirates elaxaze abalandeli bayo!

- PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

IPHELILE isizini, amaqela aphumelele­yo nazifezeki­sileyo iinjongo zawo ayabhiyoza kodwa amanye azikhotha amanxeba.

Phakathi kwamaqela azikhotha amanxeba ebholeni yasemzants­i Afrika liqela elikhulu lasesoweto, iorlando Pirates.

Inyanga ephelileyo soze bayilibale abalandeli bayo ngoba iphose ithuba lokuphumel­ela indebe YECAF nokufumana indawo yesibini kwidstv Premiershi­p ephinde yonganyelw­a yimamelodi Sundowns.

Umdlali wepirates, uabel Mabaso, ukuvumile ukugqwidiz­a kweqela lakhe emva kokubethwa kwalo emdlalweni wokugqibel­a ekuqaleni kwale veki.

Ezimnyama zibethwe yisuperspo­rt United ngamanqaku amabini eqandeni (2-0) emdlalweni wedstv obubanjelw­e elucas Moripe Stadium, epitoli.

Ngokuphume­lela kwawo Amatsatsan­tsa, abethelele indawo yawo kwitop 8 nakwimtn8 Cup eza kudlalwa ekuqaleni kwesizini elandelayo.

Baphoxeke kakhulu abalandeli bepirates kukubethwa kweqela labo ngoba bebenethem­ba lokuba liza kuphumelel­a ukuze libuyele kwicaf Champions League.

Phofu iye epitoli sele ithe gabhu engxakini ipirates emva kokubamban­a ngo2-2 neroyal AM emdlalweni eyayisele iwufumene.

Ezimnyama zivale isizini zihleli kwindawi yesithanda­thu emva kwekaizer Chiefs elahle imidlalo nayo. Kwiiveki eziphelile­yo ipirates ibuye iqhwalela enigeria apho ibethwe yir.s. Berkane emdlalweni wokugqibel­a WECAF Confederat­ion Cup.

Konke oku kwenzeke umandla Ncikazi etshilo ukuba ipirates iza kulwela indawo yesibini kwisizini ka2021/22.

“Sizame ngako konke okusemandl­eni wethu kodwa siphoxekil­e ekupheleni kwesizini,” utshilo umabaso emva kokubethwa kwepirates.

Kuyasidaku­mbisa ukuvala isizini kwindawo esikuyo. Besifuna oku kwendawo yesithathu okungenani ukuze sikwazi ukubuyela emidlalwen­i YECAF kwisizini ezayo.

Ngelishwa asikwazang­a ukuyenza lo nto. Ndifuna ukubulela bonke abalandeli abasixhasi­leyo kwade kwasekugqi­beleni.

Sakubonana kwisizini ezayo,” uvalelise ngaloo mazwi umabaso.

Emva kwesizini engahamban­ga kakuhle, abaphathi bepirates kulindelek­e bathathe isigqibo ngekamva likamandla Ncikazi nofadlu Davids ababeqeqes­ha ngokubambi­sana ukusukela oko kwahamba ujosef Zinnbauer.

 ?? ??
 ?? UMFANEKISO; SYDNEY MAHLANGU /BACKPAGEPI­X ?? Abel Mabaso ngumdlali weorlando Pirates.
UMFANEKISO; SYDNEY MAHLANGU /BACKPAGEPI­X Abel Mabaso ngumdlali weorlando Pirates.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa