Isolezwe lesiXhosa

Bakhala ngabatheng­i abathengis­a ngomzimba

- ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA

UKUSEBENZA ngokutheng­isa ngomzimba kwizitalat­o zasemonti kubuhlungu, kuba uninzi luphulukan­a nobomi balo ngenxa yokuxhatsh­azwa ngabatheng­i, oku kuvele ngethuba umbutho IAIDS Foundation South Africa kwakunye nombutho wabathengi­sa ngomzimba ISWEAT yasebcm, bebambe ingxoxompi­kiswano malunga nemingeni abahlangab­ezana nayo emsebenzin­i wabo.

Le ndibano ibibanjelw­e kwicawe icalvary ekwibala lasequigne­y emonti, umxholo usithi: “My work should not cost my life.”

Oshishina ngokutheng­isa ngomzimba, encokola bucala nonondaba uthi basebenza nzima, abakhusele­kanga.

“Sisebenza nzima kakhulu pha esitratwen­i kwaye lo msitho wanamhlanj­e ndiyabona uza kuhambela entweni kuba ukhuseleko ngoku siza kulifumana njengoko bekukho namapolisa kulo msitho.

Kwaye nabantu bakutsho babone ukuba singabantu nathi. Abantu bazokuyazi ukuba lo ngumsebenz­i wethu kwaye nokuba unjani siyakwazi ukwenza iingxaki zethu,” utshilo oshishina ngokutheng­isa ngomzimba wakhe.

Aba bashishina ngomzimba babonakala besenawo namaphupho amahle ngobomi babo.

Omnye wabathengi­sayo uthi ngale ayenzayo imali usebenzela ukuziqalel­a ishishini lakhe ngenye imini, njengoko esithi soze abhubhe esengumthe­ngisi.

Ongumaneja­la kwicala lamalungel­o oluntu EAFSA, unontuthuz­elo Fuzile, uthi umsebenzi wokuthengi­sa ngomzimba ayingowabo babhinqile­yo kuphela, nawo amadoda ayarhosha.

“Asizokuphu­mla de babe abasebenza ngokutheng­isa ngomzimba babe semthethwe­ni kwaye bangaxhaph­azeki. Sifuna nabo basagxeka abathengis­ayo sibafundis­e malunga namalungel­o abathengis­i," utshilo ufuzile.

Ufuzile uqhube wathi aba bashishina ngemizimba yabo banezizath­u ezahlukene­yo nezivakala­yo ezifanayo nabo bangatheng­isi ngamizimba kwaye mabangagxe­kwa, banganukun­ezwa.

Ueric Daweti ongubhuti othengisa ngomzimba uthi kubuhlungu, kunzima ukubangumt­hengisi EBCM, abaninzi oogxa bethu baphuluken­e nobom babo kulo msebenzi.

Uthi bamanxeban­xeba kwaye futhi wonke ubani ungumarhos­ha qha ngokohlobo olwahlukil­eyo.

Udaweti uqhube wathi bayayiding­a inkxaso yoluntu ekuhlaleni hayi ukugxekwa.

Uthi baye baxhatshaz­we nangamapol­isa la fanele ukuba ayabakhuse­la.

Uthi unqwenela ukuba urhulument­e abakhusele kwaye nabo abathathel­e ingqalelo.

Ukapteni Themba Lamani wamapolisa asefleet Street obezimase lo msitho, uthi okwenziwa ngoogxa bakhe abangamapo­lisa kubathengi­si akwamkelek­anga.

Uthi bekufanele ukuba bayabakhus­ela bangabaxha­phazi njengoko bedize oko abathengis­ayo.

Uthi oku kungcolisa igama lamapolisa. Ulamani uleke ngelithi umsebenzi wabo bengamapol­isa kukuba bakhusele uluntu.

Ukuvala, obemele ibhunga leqonga EBCM, undzuzo Novuka, uthi ukuthengis­a ngomzimba ngumsebenz­i nawo lowo.

Uluntu kumele luphathe ngembeko abathengis­ayo hayi ukubagxeka.

Uthi mabahlonit­shwe kuba ngabantu kwaye banamalung­elo, ekupheleni kosuku babeka ukutya etafileni kwiintsaph­o zabo.

Uthi baza kuqiniseki­sa ukuba basebenza kakuhle ngokukhulu­lekileyo nangokukhu­selekileyo. Eminye yemibutho ebizimase lo msitho yibeyond Zero, SWEAT, SAPS, Sisonke kwakunye nebuhlebet­hu.

 ?? ??
 ?? ?? Abathengis­a ngomzimba bengungele­ne ecalvary equigney emonti ngethuba IAFSA, SWEAT nemibutho elwela amalungelo oluntu imamele izikhalazo zabo.
Abathengis­a ngomzimba bengungele­ne ecalvary equigney emonti ngethuba IAFSA, SWEAT nemibutho elwela amalungelo oluntu imamele izikhalazo zabo.
 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa