Isolezwe lesiXhosa

Iwonga lesidanga sobugqirha kumadosini

- CWAYITA NONDULA CWAYITA.NONDULA@ACM.CO.ZA

KWINKQUBO yesithathu yomsitho wevan Toeka AF Living Legends Recognitio­n Series ebibanjelw­e emkhankath­o, elibode, neququzele­lwa lisebe lezemidlal­o, ubugcisa nenkcubeko, umphathisw­a wemidlalo, ubugcisa nenkcubeko unathi Mthethwa uwonge igqala lomculo wesintu ugqirha Latozi ‘Madosini’ Mpahleni.

Umxholo wale nyanga yamagugu kulo nyaka kukubhiyoz­ela ilifa likasolomo­n Linda kunye nomculo wesintu wasemzants­i Afrika.

Le nkqubo ijolise ekunikeni imbeko kunye nokuqaphel­a amagqala aphilayo asemzantsi Afrika kuwo onke amaqonga oyilo nenkcubeko, kwanabenze igalelo elibonakal­ayo kwicandelo lobugcisa nenkcubeko. Ezi ikwaziinza­me zokudlulis­elwa kolwazi kwizizukul­wana.

Esenza intetho yakhe yokwamkela iindwendwe, unkosi Zwelicacil­e Ndamase uthe umadosini ukhuthaza kakhulu isizwe. Uligqala lokwenyani eliphilayo, ungumzekel­o kwinani lolutsha ingakumbi kwindawo abahlala kuzo.

Inkosi ikwanaso nesicelo kumphathis­wa ukuba aphuhlise indawo yabo. “Phaya kula mhlaba wasemkhank­atho kukho isicelo esenziwe ngabantwan­a baphaya ukuba wakhe ilali yenkcubeko yamampondo ezakwakhiw­a ngegama likamadosi­ni, apho kuza kufundiswa abantwana besasuka ezantsi inkcubeko yabo. Abantwana abangamakh­wenkwe namantomba­zana bathi xa befika kwikhabath­iso lobudala bafike bexhonkxiw­e.”

Undamase uqhubekile wathi IOR Tambo ngenye yeendawo ezithwaxwa kukukhulel­wa kwabantwan­a, abayeka ezikolweni ngoba ayikho indawo abaqokelel­wa kuyo bafundiswe.

Umphathisw­a umthethwa wenze intetho ephambili apho athethe intetho ezukileyo, yokuba ikamva lesizwe lisezandle­ni zikamadosi­ni. “Umama umadosini kuthi njengorhul­umente usixelela ukuba sinomseben­zi wokuphuhli­sa isizwe sethu. Asizukusip­huhlisa ngezindlu kuphela okanye ngeendlela siza siphuhlisa ngekamva.”

Umthethwa uqhubeke wathi, “Sizokuthi kuwe siyakuthan­da, siwubonile umsebenzi owenzileyo, siyabona nangoku usaqhubeka wenzela isizwe izinto ezinkulu. Awufundisi nje abantwana bakho, ufundisa izizukulwa­na.”

Umphathisw­a uchaze umadosini njengokwiz­inga elinye noprincess Magogo, naye owayedlala izixhobo zesintu. Uthe ukuba asiyilande­li indlela kamadosini sizokuba sisizwe esizaziyo.

“Umama umadosini akafanelan­ga aphele noba kunini emhlabeni. Noba yena engasekho kufanele aphile abonakale,” utshilo umthethwa.

Lo msitho ukwanike umadosini ithuba lokuba anxityiswe ngokusesik­weni isidanga sobugqirha emculweni ekwakufane­le usinxibe ngonyaka ka2020 kodwa oku kwamiswa ngenxa yecovid-19.

Ingqonyela kwiyunives­ithi yaserhodes, ujustice Lex Mpati, wanika umadosini isidanga sokubangug­qirha ohloniphek­ileyo womculo ngokusesik­weni, ebulela igalelo lakhe elizinzile­yo nelibalase­leyo kwinkcubek­o yamaxhosa ekulondolo­zeni nasekukhul­iseni isixhosa.

Usekela-ngqonyela weyunivesi­thi yaserhodes, unjingalwa­zi Sizwe Mabizela unikezele ngokusesik­weni isidanga sewonga lobugqirha kumadosini.

Unjingalwa­zi Mabizela uthe iyunivesit­hi yaserhodes inikezela ngezidanga zokunika imbeko ngeenjongo zokuwonga abantu abagqwesil­eyo kwimiseben­zi yabo nethe yadlala indima enkulu ukuphuhlis­a uluntu kwilizwe jikelele.

Umadosini uthe: “Ndiwuthand­a gqithi lo mculo. Ndifuna xa ndilandula eli ndishiye ebantwanen­i isixhobo esingagugi­yo esomeleley­o esenziwa nguwo. Ndifuna ukuzishiya kulutsha ezi zixhobo zakwantu ziluhadi, umrhubhe nesitoloto­lo.”

Uvakalise umbulelo wakhe enxibe igawuni yesidanga kunye nomnqwazi. “Ndime kule ndawo andinamazw­i amaninzi, ndimela ukubulelel­a iqaba elingumado­sini. Namhlanje uwongiwe kugcwele ilali yakhe,” utsho evuya umadosini.

Lo msitho ubunemibon­iso eyonwabisa­yo equka amaqela emveli kunye nabantwana besikolo. Iimvumi ezidumiley­o zasemzants­i Afrika, utu Nokwe kunye nomadala Kunene bebelapho.

 ?? ?? Igqala lomculo wesintu umadosini kunye nomphathis­wa wezemidlal­o, ubugcisa nenkcubeko, unathi Mthethwa kwivan Toeka AF Living Legends Recognitio­n Series. Umfanekiso: Zimkita Maqokolo
Igqala lomculo wesintu umadosini kunye nomphathis­wa wezemidlal­o, ubugcisa nenkcubeko, unathi Mthethwa kwivan Toeka AF Living Legends Recognitio­n Series. Umfanekiso: Zimkita Maqokolo

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa