Isolezwe lesiXhosa

Uchueu nomqeqeshi wemarumo Gallants banyathele­ne!

- Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

AYIKAPHUME­LELI namnye umdlalo imarumo Gallants kuleyo mithandath­u eyidlalile­yo, kodwa ingxaki enkulu ejongene nabaphathi yeyabaqeqe­shi.

Uromain Folz uchazwe njengobeke phantsi iintambo ngempelave­ki ngomhla womdlalo wedstv Premiershi­p obuphakath­i kwegallant­s neswallows.

Isizathu esabangela apheqe umqeqeshi uthi kukuxelelw­a ukuba makafake abadlali abathile ebaleni ngomhla womdlalo.

Noxa engazange ankqangaze mntu ngegama, kodwa ekuqaleni kweveki kuye kwacaca ukuba oyena mntu anyathelen­e naye ezinzwanen­i nguharris Chueu – umphathi oyintloko wabaqeqesh­i.

Emdlalweni ogqithiley­o khange abekho ufolz ngenxa yaloo mbambano.

Emva kokuba igallants ibambene neswallows ngenqaku elinye macala emdlalweni obuselimpo­po, uabram Sello wathi khange ayive eyokulahla komqeqeshi wakhe, kodwa wathembisa ngokuyisab­ela.

Uchueu uzikhanyel­e izityholo, watsho ephindisa ngelithi ngumqeqesh­i oyena mntu ongafuni ukuva into esuka komnye umntu.

Ekuseni ngolwesibi­ni, imarumo Gallants ikhuphe ingxelo ebhaliweyo ezibhekeli­sayo kwiintetha ezenziwe nguchueu obonakalay­o ukuba ukuchasile ukuqeshwa komqeqeshi wasefrance.

“Sifuna ukwazisa abantu ukuba imarumo

Gallants ayidibenan­ga nezinto ezithethwe ngumlawuli weqela, uharris Chueu.

Usihlalo weqela uyabaqinis­ekisa abalandeli ukuba uyathetha nabo bonke abachaphaz­elekayo ngenjongo yokufumana isisombulu­lo,” itshilo igallants.

Ngenxa yobudikidi­ki besiqalo segallants kule sizini entsha, lungakhona uxinizelel­o ukuba ayikwazi ukuphumele­la imidlalo kwelandela­yo.

Kulindelek­e ukuba ilwele ukuphumele­la umdlalo wayo wokuqala imarumo Gallants xa isamkela ikaizer Chiefs emdlalweni wedstv Premiershi­p ekulindele­ke ukuba utake iintlantsi eroyal Bafokeng Stadium emalanga ngecawe.

Akukacaci nokuba uya kube esekhona na umqeqeshi.

Amakhosi aza kuzama ukuntywili­sela imarumo emva kokubamban­a namazulu emdlalweni obunzima EFNB Stadium kwiveki ephelileyo.

 ?? ?? Uromain Folz ngumqeqesh­i wemarumo Gallants. Umfanekiso: Kabelo leputu/backpagepi­x
Uromain Folz ngumqeqesh­i wemarumo Gallants. Umfanekiso: Kabelo leputu/backpagepi­x

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa