Isolezwe lesiXhosa

Umbulelo uya kunqandwa zinkwenkwe­zi kwezolonwa­bo

- SIM Freddie Simphiwe.freddie@inl.co.za

UMDLALI omtsha wethe Queen, umbulelo Katise, uziva ngathi khange emke emehlweni oluntu nanjengoko ebuyele kumabonaku­de emva kwekhefu elide.

Ukatise udlala indima kaduma Jama kulo mdlalo oboniswa kwimzansi Magic rhoqo ebusuku phakathi evekini.

“Ingathi zange ndiye kwandawo. Ndiziva ngathi bendisekhe­fini lokuzonwab­isa,” kutsho ukatise encokolela I'solezwe lesixhosa.

Ngethuba ukatise enqaba wayedlala njengosice­lo Ngema kwiscandal!

Igama likakatise, 27, likhe lalibi emva kokuvakala kweengxelo zokubanjwa kwakhe ekunye nabanye abarhanelw­a emva kokufumane­ka kwindawo ekwakuvaka­la ukuba ishishina ngabantu.

“Ndandikwin­dawo erongo, ngexesha elirongo,” uzithethel­ele watsho.

Uthi oku kwamphazam­isa ngokwaseng­qondweni nangokwase­mphefumlwe­ni.

“Ndaye ndaqaphela indlela abantu abamgweba ngayo umntu. Bendimncin­ci ngela xesha. Oku kundenze ndakhula kwaye ndafunda nangendlel­a abantu abacinga ngayo,” kutsho le nzalelwane yasedaveyt­on kwimpuma yerhawuti.

Uthi ukubandaka­nyeka kwakhe kwela tyala kwamenza azithandab­uze kwaye azibuze ukuba ingaba ngokwenene unetyala okanye akanalo kusinina.

Ukatise uthi oku kwafika ngexesha eceba ukuthatha ikhefu ukuze abuyele esikolweni.

Usandula kuthweswa ngesidanga sediploma kwifilm and Television Directing yiyunivesi­thi yasetshwan­e.

Uthi nangona egqibele kudala ukudlala kwimidlalo kamabonaku­de kodwa khange kube nzima ukudlala uduma yaye ngoku ukhulile kunakuqala.

“Ngoku ndifuna ukukhula kwicala lokudlala ngeemvakal­elo njengokuba­nomsindo nasekuthet­heni iilwimi ngeelwimi,” kutsho lo mdlali okhe wadlala nakwigener­ations.

Udize ukuba angathanda ukudlala kwithe River nakwimidla­lo yeneflix. Uthi ukudlala kwimidlalo yabakwafer­guson ibikade iliphupha kuye, kwaye ukusebenza namagqala afana noconnie Ferguson kuliwonga kuye.

Ngaphandle kokuvelisa nokubhala iifilim, ukatise ukwayimvum­i ephum'izandla ezibiza ngegama elithi Mccloud.

Icwecwe lakhe elingoma zisixhenxe elibizwa The Warm Up lifumaneka kwiivenkil­e zomculo online.

 ?? ?? Umbulelo Katise odlala kwithe Queen
Umbulelo Katise odlala kwithe Queen
 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa