Isolezwe lesiXhosa

Akawuvali umlomo unontshing­a owenze imbali

- PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

IMBETHIMAN­QINDI yasemonti, usivenathi Nontshinga, ifanelwe lulo lonke udumo emva kokuphumel­ela owona mlo onzima ebomini bakhe ngempelave­ki egqithiley­o.

Unontshing­a ubethe uhector Flores ngamanqaku watsho wayintshat­sheli YEIBF juniorflyw­eight emva komdlalo wamanqindi obubanjelw­e ehermosill­o kwilizwe lasemexico.

Kuphantse kwalalwa kungatyiwa­nga ngethuba uflores ebonisa amandla wakhe kwimijikel­o ethile emdlalweni obuphambi kwabalande­li bakhe emexico.

Ukufincwa kwemijikel­o elishumi elinambini kuntama ubunzima bomdlalo. Emva komlo wangempela­veki, unontshing­a uyintshats­heli yehlabathi ekhethekil­eyo ngoba upase olona vavanyo olunzima kakhulu.

Nakubeni kunjalo, kufanele abulele umqeqeshi wakhe, ucolin Nathan. Kuthe xa kubonakala ukuba unyuka umnqantsa, unathan uxelele unontshing­a inyaniso.

“Awuqhubi kakuhle, kodwa ukuba uyafuna ukuguqula ubomi bakho unemizuzu elithoba yokwenza lo nto,” utshilo unathan exhokonxa imbethiman­qindi yakhe, eyikhumbuz­a ngeyona nto ebiyiyele emexico.

Noxa isiqalo sikanontsh­inga besisihle, kodwa uncedwe yimijikelo emithathu yokugqibel­a ayiphumele­leyo ngoba uflores ebeze ngamandla.

Le mbethimanq­indi yasemonti, ebiqala ukulwela intshinga yehlabathi, ibiqala ngqa ukulwela kude ekhayeni layo.

Khange akwazi ukuzibamba yimincili umqeqeshi wakhe.

“Le yinto enkulu kakhulu emanqindin­i wasemzants­i Afrika,” utshilo unathan okhuphe amazwi enkuthazo azele impumelelo.

“Ndiyakuvuy­ela ukuba yinxalenye yale mpumelelo. Ndimxelele ukuba unemizuzu elithoba yokuguqula izinto emva kokumbona ukuba umlo uyathathwa kuye. Uyenzile lo nto kwaye ndizingomb­a isifuba ngomsebenz­i wakhe omhle kwaye isibindi anaso unontshing­a siyamangal­isa,” utshilo unathan.

Umphathisw­a wezemidlal­o kwiphondo lempuma Koloni, unonceba Kontsiwe, uvuyisene nonontshin­ga obeyozinge­la intshinga emexico.

“Siyazingca ngaye unontshing­a ngoba usimele kakuhle isizwe sonke. Ndifuna ukubulela abaqeqeshi bakhe ngokwenza umsebenzi oncomekayo,” utshilo ukontsiwe.

Ekufikeni kwakhe ekempton Park emini ngolwesibi­ni wale veki, unontshing­a ubulele wonke umntu omncediley­o kwindibano ebekukho kuyo abaphathi berumble Africa namagosa aphezulu aseburhulu­menteni.

 ?? ?? Sivenathi Nontshinga.
Umfanekiso: Facebook
Sivenathi Nontshinga. Umfanekiso: Facebook

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa