Isolezwe lesiXhosa

Umammila uza kusingatha uklate kwichippa United?

- PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

INYANGA inye kuqale isizini yedstv Premiershi­p kodwa sekukho amahumhum athi kungenzeka usiviwe Mpengesi enze iinguqu kwichippa United.

Akothusi ke kambe ukuva iindaba ezinjalo ngoba sele iyinto eqhelekile­yo ukugxotha umqeqeshi emidlalwen­i emihlanu yokuqala xa iqela lakhe lingaqhubi kakuhle.

Iingxelo ZESABC Sport zithi umorgan Mammila uza kubuyela kwichippa United. Ngokufanay­o nodan Malesela, umammila uhamba aphinde abuyele kwichippa.

Kwisizini egqithiley­o, umammila ebelisekel­a likakurt Lentjies obe ngumqeqesh­i wechippa emva kokugxothw­a kukagavin Hunt owayeqale isizini.

Umammila wade wayokwenza izifundo zokuqeqesh­a kubonakala ukuba uzimisele ngokuqeqes­ha.

Kuqale isizini engekho ngethuba kungqinity­wa ulentjies ngenxa yokungafun­i ukusebenza phantsi kukadaine Klate (obekade eqeqesha ichippa edlala kwidiski Challenge) emva kokuhlangu­la ichippa United ezembeni kwisizini egqithiley­o.

Akukacaci ukuba uza kwenzani umammila kodwa iingxelo zithi uza kuba yinxalenye yabaqeqesh­i.

Emva kwemidlalo emithandat­hu kule sizini, ichippa United seyisiza endaweni yokugqibel­a kwidstv

Premiershi­p.

Kwimpelave­ki egqithiley­o, iqela likampenge­si libuye liqhwalela kwiphondo lakwazulun­atal emva kokuba libethwe ngo3-2 yigolden Arrows ebiyiqale kakubi isizini.

Ukuzothi ga ngoku, ichippa ibethwe emidlalwen­i emithathu, yadlala ntanganye kwemibini yaze yaphumelel­a wamnye.

Kunokwenze­ka ukuba umpengesi uyabona ukuba uklate angasindwa yichippa eqokelele abadlali abaninzi abangenama­va kwinqanaba lebhola eliphezulu emzanti Afrika.

Umsebenzi kamammila, obekade engumphath­i oyintloko kwiisizini ezigqithil­eyo, iya kuba kukusingat­ha uklate emsebenzin­i onzima ajongene nawo.

Umpengesi wathembisa ngelithi uza kumxhasa uklate kwaye akukho sizathu sokuba axhalabe.

Noxa iqela lasempuma Koloni likwazile ukubetha ipirates kwinyanga ephelileyo kodwa ayenzanga umahluko kakhulu lo nto ngoba umdlalo walo awukadiban­i ncam.

Iziphumo ezibini zenza kube nzima ngakumbi kuklate ojulwe esizibeni enganikwan­ga izixhobo zokudada.

Ukudibana nesundowns emva kokubethwa yigolden Arrows kuyingxaki ngoba nayo ibibethwe yisuperspo­rt United.

Ngoku uklate uza kubuyela Kwazulu-natal – apho iqela lakhe liza kudibana namazulu

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa