Isolezwe lesiXhosa

Uxoki ufuna kuphele ukugqugqis­a kwesundown­s

- PEDRO MAPELO PEDRO.MAPELO@INL.CO.ZA

UMDLALI weorlando Pirates wasemva, utapelo

Xoki, uzimisele ukunceda iqela lakhe liphelise ukugqugqis­a kwemamelod­i Sundowns ephumelele indebe yedstv Premiershi­p amatyeli amahlanu elandelela­na.

Uxoki ufike kwipirates phambi kokuqala kwesizini eqhubekayo esuka kumazulu aziqaqambi­se kakhulu kuwo kwisizini ezigqithil­eyo.

Amabhakani­ya amthathele kuwo kule sizini ngoba anenjongo yokwakha iqela elomeleley­o ancumise nabalandel­i bawo.

Nangona ekhe ayifumana indebe YEMTN8 phantsi kukajosef Zinnbauer, kodwa anqatyelwe ziindebe kwaye lo nto ayibaphath­i kakuhle abalandeli.

“Kuninzi okuzuzwe liqela phambi kokufika kwam.

Andingeke ndithi ndiza kwenza into engazanga yayenza,” utshilo uxoki kutshanje.

“Ndinqwenel­a ukuphumele­la indebe yechampion­s League. Ingase ndibe kwiqela labadlali abenze imbali kwipirates nabaya kuhlala bekhunjulw­a ngoba ngoku abantu basoloko bethetha ngabadlali bango95 ngoba babuya nendebe YECAF Champions League,” utshilo uxoki.

Njengokuba ipirates yoyisakele kukuphumel­ela indebe YECAF Confederat­ion kwisizini ephelileyo, uxoki uthi ngoku inabadlali abaziguqul­ayo izinto.

“Eminyakeni emibini, singakwazi ukuphumele­la indebe yechampion­s League. Asikwazang­a ukungena kule isizini, kodwa sinalo ithuba lokuyilung­isa lo nto ukuze sibuyele kwichampio­ns League kwisizini ezayo. Ndifuna ukubaphaka­thi kwabadlali abenze imbali. Kufuneka siphumelel­e indebe yedstv Premiershi­p siphelise nokugqugqi­sa kwesundown­s.

Ukuba singayenza lo nto, ingayinto enkulu kakhulu,” utshilo uxoki osele edlale emidlalwen­i emihlanu kule sizini.

Emva kokuba ibethwe yimaritzbu­rg United ngo1-0 emdlalweni ogqithiley­o, ibucs iza kukhuphela umsindo kwits Gallaxy emdlalweni ongomgqibe­lo.

Impumelelo iya kuyinceda ikwazi ukuvala umsantsa ovulwe ngamaqela aphezulu kwidstv Premiershi­p.

 ?? ?? Utapelo Xoki ngumdlali we-orlando Pirates. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/ Backpagepi­x
Utapelo Xoki ngumdlali we-orlando Pirates. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/ Backpagepi­x
 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa