Isolezwe lesiXhosa

Umqolomba uwabethe onke amaphondo KWIISAFTA

- SIM FREDDIE SIMPHIWE.FREDDIE@INL.CO.ZA

IMISEBENZI kanceba Mqolomba wasekarieg­a (Tinarha) yokuphuhli­sa impuma Koloni kwezeefili­m imenze wafumana iwonga kwiimbasa zeefilim nomabonaku­de (SAFTAS) ebezibanjw­e kutshanje emntla Ntshona.

Umqolomba ngumsungul­i nomlawuli weec Film Festival eyenziwa rhoqo ngeyomnga.

Esi siquququ sakwamqolo­mba sibuye newonga leoutstand­ing Provincial Contributo­r Award, siwaqhumis­ela ngothuli onke amaphondo omzantsi Afrika bekhuphisa­na nawo.

Le mbasa iye inikwe umntu odlale indima ebonakalay­o ukuphuhlis­a ezeefilim nomabonaku­de kwiphondo lakhe.

“Ndicinga ukuba imisebenzi yam yokuphuhli­sa iphondo yiyo eyenze ukuba bandichong­e. Ndiye ndacelwa ngabantu abaninzi ukuba bacela ukundityum­ba, ngenxa yegalelo

Unceba Mqolomba obuye nembasa YESAFTA ebetha onke amaphondo UMFANEKISO: UTHUNYELWE lam, nam ke ndavuma,” umqolomba ubalisele I'solezwe lesixhosa.

Umqolomba uthi akakwazi kuzibamba yimincili.

“Ndineminci­li yile mbasa ngokuba ithetha ukuba kuwo olithoba amaphondo, ndim noko kulo nyaka oye wagqwesa, ayonto incinci ke leyo,” ubuye watsho.

Umqolomba, okwangusih­lalo weqonga leefilim empuma Koloni, uneminyaka esixhenxe kususela oko wasungula umnyhadala weefilim kweli phondo.

Uhlala ezama ukuphucula izakhono zabenzi beefilim bephondo ngokubaqeq­esha kwiinkalo ngeenkalo.

Umqolomba uzibandaka­nye neqonga leefilim ngo1999, kwaye ukusukela ngoko wenze intaphane yemisebenz­i equka itoasty Show, All You Need Is Love, Khumbul' ekhaya, Walala Wasala neminye emininzi.

Ukuthanda iifilim ukuqale eselula umqolomba.

“Ekhaya bendihlala phambi komabonaku­de ndithe nca, ndimane ndisithi ngenye imini ndiya phaya ndiyokwenz­a le nto,” kutsho umqolomba owafundela ispeech and Drama enatal Technikon.

Umqolomba, ochume oyokoyoko zizakhono eziliqela, ukhe wenza namabali kanomathot­holo adlalwe kumhlobo Wenene.

Sele zintathu iimbasa anazo engxoweni yakhe ngoku.

Ngo2013 wazuza iwonga lemusic Mobility Fund elamnika imali yokutyelel­a EUK nasefrance iiveki ezintandat­hu.

Ngo2018 wafumana ieastern Cape Cultural Award ngenxa yomsebenzi awenzela iphondo kwezeefili­m.

“Ndiyathemb­a ukuba noko ngoku le mbasa iza kutsho ivule amacango ebekade evalekile,” ethetha NGESAFTA yakhe.

Umqolomba ubongoze urhulument­e ukuba anike iqonga leefilim ingqwalase­la njengeminy­e yemisebenz­i ebeka isonka etafileni.

Ulebele ngokunika amazwi enkuthazo kulutsha.

“Ndifuna ukuthi ulutsha malujonge mna njengomzek­elo wokuba umntwana womgquba uyakwazi ukuthi engasuki ndaweni kodwa abeke igama, idolophu nephondo lakhe endaweni.”

 ?? ??
 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa