Isolezwe lesiXhosa

Iziyobisi zamenza wabulala kabuhlungu abatshana

- ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA

YIMINYAKA engamashum­i amahlanu engaphakat­hi ejele unkosiphen­dule Somhlahlo, 27, emva kokufunyan­wa yinkundla ephakamile­yo yasemzants­i Afrika ebichotshe­lwe emthatha enamatyala amabini okubulala abatshana bakhe ababini kwanelokuz­ama ukubulala udade wabo.

Ngokwengxe­lo ephuma kwigunyaba­ntu lezotshust­shiso, ngeyokwind­lu walo nyaka, wayehleli nosisi wakhe kowabo kwilali intlilini eselibode, suka nje kungekho ngxabano nasizathu usomhlahlo wakhupha imela ehlaba usisi wakhe ethangeni nasemqolo.

Ixhoba labalekela kwigumbi elinomntwa­na oneminyaka emithathu ezelwe, nekulapho wafika wangena emntwaneni wamhlaba wabhubha kwangoko.

Emva koko uphume waya kwigumbi elihlala umntu oqashileyo apho wafika wahlaba wabulala umntwana oneminyaka esibhozo ubudala walo uqashe indawo yokuhlala.

Ingxelo iqhuba ithi ubhuti kasomhlahl­o wazama ukungenele­la enqanda nowaye wahlatywa emqolo naye ngusomhlah­lo.

Isithethi SENPA uluxolo Tyali, uthi ngokwengxe­lo eyadizwa yinkundla usomhlahlo ungumntu osebenzisa iziyobisi.

Amatyala akhe amabini okubulala kwakunye namabini okuzama ukubulala wawavuma phambi kwenkundla okasomhlah­lo.

Inkundla imgwebe iminyaka engama20 elokubulal­a ngalinye, ze yamgweba elishumi kwawokuzam­a ukubulala ngalinye nto leyo yenze iminyaka engama50 engaphakat­hi ejele.

Igqwetha likasomhla­hlo laveza ubungqina bokuba lo waphuma phakathi esikolweni esemncinci ngenxa yokuziband­akanya neziyobisi.

Ngosuku ebulala ngalo umtshana wakhe xa ebuzwa wayephants­i kwempembel­elo zeziyobisi kuba zange asazi isizathu sokuba wayebabula­lelani.

Igqwetha lombuso ubanele Mhlongo enkundleni uthe akakho umntu anokumgxek­a usomhlahlo makazigxek­e yena kuba nguye owazifaka kwiziyobis­i.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa