Isolezwe lesiXhosa

Achithiwe amatyotyom­be ebenwenwa okomlilo equigney

- ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA

INDAWO yasequigne­y emonti yenye yeendawo ezinomtsal­ane kakhulu ingakumbi kubakhenke­thi, ukanti nabo abenzi bolwaphulo­mthetho babone elo kroba kuba befuna ukwenza imikhuba bazakhela ngokungekh­o semthethwe­ni amatyotyom­be kwihlathi elingaselw­andle kwanakumbi­ndi wedolophu emonti.

Amatyotyom­be adiliziwey­o kweli hlathi ebelishumi elinanye (11).

Oku kuye kwaqatshel­wa ngumasipal­a ombaxa IBCM, abezomthet­ho kwakunye namapolisa nabaye bafika bengabhung­isanga bawadiliza la matyotyomb­e.

Ingxelo iqhuba ithi abantu abathe bagqogqwa babe ngamashumi amathathu (30), ishumi elinesihla­nu (15) kubo yangabemi bangaphand­le, nekuye abahlanu (5) kubo baye babanjwa emva kokufunyan­wa bengenazo iziqinisek­iso zeempepha zokubalaph­a.

Isithethi SEBCM, usamkelo Ngwenya, uthi bakholelwa kwelokuba ukonyuka kwezenzo zolwaphulo­mthetho ingakumbi ebusuku equigney, kungenxa yaba bantu bakula matyotyomb­e.

“Lo mmandla mva nje unengxaki yokungalaw­uleki, ulwaphulom­thetho lunyuka qho, kuquka ukubiwa kweentambo zombane, ukuqhekeza nokumosha. Sikhokelwa ukuba abenzi boku ngaba bahlala kula matyotyomb­e kuba ukugrunjwa kweentambo zombane equigney kwenzeka ekuzeni kusa,” utshilo ungwenya.

Uqhube wathi baza kuqhubekek­a ukulwa ulwaphulom­thetho nanjengoko sele baqalisa nokuvala iivenkile zabemi bangaphand­le ezithengis­a ukutya okuphelelw­eyo, ezinye ezisebenzi­sa igumbi elinye ukugcina yonke into kwanabo bangayihla­wuliyo irhafu.

Ungwenya uthi njengokuba beqwalasel­e iquigney kukuba yeyona ndawo inomtsalan­e kwaye nabakhenke­thi sele beqalile ukutyelela, kungoko nabenzi bobubi bethanda le ndawo.

 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa