Isolezwe lesiXhosa

Umama nosana lwakhe batshele etyotyombe­ni

-

ABANTU abathathu babhubhe kwiziganek­o ezibini ezohlukene­yo emva kokuba amakhaya abo etshe ngumlilo.

Kwisiganek­o sokuqala, umama onama35 eminyaka ubudala nosana lwakhe oluyintomb­azana oluneenyan­ga ezilishumi luzelwe babhubhele kumlilo wetyotyomb­e kubusuku bayizolo (umvulo).

Esi siganeko sehle kwisitalat­o ielijah ewalmer.

Kuchazwa ukuba ubukelwa Klaas nomntwana wakhe ulikhaya bebelele obentlombe ngethuba kuqala lo mlilo.

“Unobangela walo mlilo awukaziwa kwaye amapolisa asewalmer enza uphando,” kutsho ucol Priscilla Naidu wamapolisa.

Kwesinye isiganeko, malunga nentsimbi yesibhozo kusasa namhlanje (ulwesibini), amapolisa aziswe ngomlilo okumgangat­ho wesibini kwiflethi esepark Drive.

Kwesi siganeko kufunyenwe umzimba wowasetyhi­ni onama65 eminyaka ubudala usekameren­i.

“Okwangoku akukaziwa ukuba lo mlilo ubangelwe yintoni. Isalamane sale nkosikazi besingekaz­iswa,” kutsho unaidu.

Amapolisa asehumewoo­d aphanda ngesi sehlo.

 ?? ??
 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa