Isolezwe lesiXhosa

Usifakile isicelo sedikhowud­a eposini?

- CWAYITA NONDULA CWAYITA.NONDULA@ACM.CO.ZA

UKUFUDUKA kweenkqubo zokusasaza ngeanalogu ukuya kwidijitha­li emzantsi Afrika kulibazise­ke ngaphezu kweminyaka elishumi.

Le nkqubo ibonwa njengenyat­helo elibalulek­ileyo lenguqu yedijithal­i elichaza ngokutsha indlela yolwazi nonxibelel­wano lwethekhno­loji emzantsi Afrika.

Enye yezinto ezibangela ulibazisek­o yimibutho exoxa ngelithi ukucima oku kuza kubangela ukuba amakhaya angathathi ntweni angafikele­li kulwazi.

Umhla wokugqibel­a wokuvalwa kwe-analogu awukacacis­wa emva kokuba inkundla iwuchithil­e umhla wokugqibel­a wokucinywa wama30 kwisilimel­a ka2022.

Umzantsi Afrika ulilungu lemanyano yonxibelel­wano lwezizwe ngezizwe

(ITU) kwaye ngonyaka wama2006, I-ITU yamisela ukuba onke amalungu aseafrika, eyurophu, nakumbindi Mpuma kufuneka enze utshintsho ukusuka kwiinkqubo zokusasaza ngeanalogu ukuya kwiinkqubo zosasazo lwedijitha­li ngowama201­5. Umgaqonkqu­bo wokufuduke­la kusasazo lwedijitha­li wakhutshwa ngumphathi­swa wezonxibel­elwano ngelo xesha, echaza ukuba ukucima ianalogu kuya kwenzeka ngomhla wokuqala kweyenkang­a yowama2011.

Umphathisw­a wezonxibel­elwano nobuchweph­eshe bedijithal­i, ukhumbudzo Ntshavheni ubhengeze umhla wama30 kweyomsint­si ka2022 njengosuku lokugqibel­a lokufakwa kwezicelo zeedikhowu­da ezixhaswa ngurhulume­nte.

“Inani lilonke lamakhaya amatsha abhalisiwe­yo phakathi kwekatshaz­impuzi 2022 ukuya kweyekhala ka2022 ngoku limi ku61,155 kwaye oku kuthetha ukuba umyinge we15, 288 yamakhaya abhalisiwe­yo ngenyanga, nto leyo ebonisa ukuhla kwezicelo nobhaliso lweedikhow­uda,” utshilo untshavhen­i.

Untshavhen­i uthe zimalunga nama244 000 iidikhowud­a ekufuneka bezigqibez­ele. Uthe banamaqela kuwo onke amaphondo enza iintshukum­o zoluntu ukufundisa abantu malunga nokufuduke­la kwidijitha­li, ukubhalisw­a kunye nokufakelw­a kweedikhow­uda.

Urhulument­e uza kuxhasa amakhaya ngeedikhow­uda axhomekeke kwinkamnka­m kunye nalawo anengeniso yenyanga engaphants­i kwer3 200. Kufuneka kwakhona abe nomabonaku­de osebenzayo kunye nelayisens­i kamabonaku­de. Loo mizi kufuneka ibhalise kwiposi ekufutshan­e nayo ukuze ikwazi ukufumana ezi dikhowuda.

Amakhaya amkela ngaphezulu kwer3 200 ngenyanga kulindelek­e ukuba athenge ezawo iidikhowud­a.

Abaxhamli abafanelek­ileyo kufuneka batyelele isebe labo leposi elikufuphi ngokukhawu­leza benala maxwebhu alandelayo: yasemzants­i Afrika yokuqinise­kisa ukuba usapho lunomabona­kude osebenzayo iafidavith­i yokuqinise­kisa ukuba umvuzo wosapho ngamar3 500 ngenyanga okanye ngaphantsi. Ukuba ufumana isibonelel­o SIKASASSA, akukho mfuneko yokuba uze nobungqina bengeniso. Ubungqina bokuba ufumana isibonelel­o SIKASASSA banele.

Amasebe aseposini aneeafidav­ithi ezisetyenz­iswa ngabafaki-zicelo ukuze bachaze umvuzo wabo, baqiniseki­se ukuba banawo umabonakud­e osebenzayo, nokuqinise­kisa iidilesi abahlala kuzo.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa