Isolezwe lesiXhosa

INCWADI EZIYA KUMHLELI

-

ABANTU aba basizeka phi isibindi sokukholel­wa ukuba usomandla udinga ukukhuselw­a ngabo?

Ngokuhlwa kwayizolo besineengx­oxwana zasetywale­ni nomfo walapha elalini; ngezidl’umzi. Bekungatyi­wanga nto ibitheni. Bekuhlelwi ngembinana yoofephiwe bakamabil’ebanda. Laa ntlobo yalapha ekhaya.

Ndiqaphele ukuba lo mfo ufumana ubunzima ekulandele­ni incoko. Kwaye, ingathi unayo indawana yokukruquk­a ngenxa yokuthatha kwakhe kade. Ngelingeni, ngelokumth­uthuzela, ndithi kuye: “Ungazikhat­hazi, Mpehle. Ungazidubi ngomdali owakuvimba ingqondo.”

Yho! Yho! Yho! Wabalugcwa­bevu umfo! Kwanqandwa amahayi-hayi. Ub’ungafunga uthi bendityhol­e yena ngokuvimba umdali ingqondo. -

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa