INCWADI EZIYA KUMHLELI
ABANTU aba basizeka phi isibindi sokukholelwa ukuba usomandla udinga ukukhuselwa ngabo?
Ngokuhlwa kwayizolo besineengxoxwana zasetywaleni nomfo walapha elalini; ngezidl’umzi. Bekungatyiwanga nto ibitheni. Bekuhlelwi ngembinana yoofephiwe bakamabil’ebanda. Laa ntlobo yalapha ekhaya.
Ndiqaphele ukuba lo mfo ufumana ubunzima ekulandeleni incoko. Kwaye, ingathi unayo indawana yokukruquka ngenxa yokuthatha kwakhe kade. Ngelingeni, ngelokumthuthuzela, ndithi kuye: “Ungazikhathazi, Mpehle. Ungazidubi ngomdali owakuvimba ingqondo.”
Yho! Yho! Yho! Wabalugcwabevu umfo! Kwanqandwa amahayi-hayi. Ub’ungafunga uthi bendityhole yena ngokuvimba umdali ingqondo. -