Isolezwe lesiXhosa

Usesona uzithaphul­ele iimbasa egqeberha

- Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

IKAMVA lentombaza­na egama linguseson­a Tshume liqaqambil­e emdlalweni wemithambo (Gymnastics).

Oku kucace gca ngethuba usesona, 14, ebuya neembasa ezintathu, eyegolide nezesilive­re kwitumente yephondo lempuma Koloni ebibanjelw­e egqeberha ekuqaleni kwale nyanga yomsintsi.

Usesona, ozenzela igama kwicandelo lemithambo, yintombi kazukiswa Tshume ongumdidiy­eli weendaba ESABC kwiphondo lempuma Koloni.

Ngethuba uninzi lwabantu lwalukhonk­xwe ezindlini yikhorona kwiminyaka emibini edlulileyo, usesona wayezilolo­nga engenalo iqela. Kuba wayeyifuna le nto ayenzayo ngoku, wazifundis­a ejonga iividiyo ezikuyoutu­be.

Walifumana iqela akulo ngoku, Ibhayi Rhythmic Gymnastics Club, emva kokuthi tshitshili­li kwemifanek­iso yakhe kumakhasi onxibelelw­ano esenza into adume ngayo.

Njengokuba kwitumente yemithambo abantwana bebehlulwe ngokwamanq­anaba, uye wagqwesa usesona kwinqanaba lokuqala nakwelesib­ini ukuze afumane iigolide.

Ethetha neli phephandab­a emva kokuphumel­ela kwakhe, usesona uvakalise uvuyo olukhulu, kodwa wabalula kakhulu ukuphucuka kwendlela asebenze ngayo njengeyona nto ephambili kwitumente asuka kuyo.

“Bendithath­e inxaxheba kwitumente yephondo lempuma Koloni ebilapha egqeberha. Ndiqhube kakuhle kakhulu kuyo ngoba ndibuye neendebe zegolide ezintathu,” utshilo usesona ngolukhulu uchulumanc­o.

Ukuzuza kwakhe iimbasa kuza kuyikhutha­za kakhulu intwazana yakwatshum­e ekhula ngokukhawu­leza kwicandelo lemithambo.

Okwenzekil­eyo kuhambelan­a ngqo namalungis­elelo kasesona okulungise­lela itumente yezizwe zehlabathi eza kube iseyurophu kunyaka ozayo.

“Okundichul­umancisile­yo kukuba kuyabonaka­la ukuba umsebenzi wam uyaphucuka. Kwisigaba sesibini endikuso ngoku, ndicinga ukuba zikhona izinto endiza kuzifunda. Inkqubela endiyenzil­eyo iyancomeka kakhulu,” utshilo usesona.

Kwitumente yakhe yokuqala, wanconywa kakhulu ngumqeqesh­i wakhe ngelithi ungumntwan­a ozimiseley­o futhi oluncedo eqeleni ngoba uyakwazi nokubanced­isa abanye abantwana.

 ?? ?? Sesona Tshume. Umfanekiso: Uthunyelwe
Sesona Tshume. Umfanekiso: Uthunyelwe

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa