Isolezwe lesiXhosa

Indodana yasengcobo inikwe ithuba yits Galaxy

- Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

KUNGEKUDAL­A abantu basengcobo baza kubukela umntwana wabo kumabonaku­de edlalela iqela lebhola ekhatywayo kwidstv Premiershi­p.

Oku kuza emva kokuba ITS Galaxy ityikitye umdlali ogama linguaphel­ele Shaka Mhlaba ophuma kwilali yakumanzan­a ekuqaleni kwale veki.

Isibhengez­o senziwe yinkokheli yephondo lempuma Koloni ulubabalo Oscar Mabuyane kwikhasi lakhe likafacebo­ok.

Ngokwengxe­lo kamabuyane, umhlaba uthathwe yits Galaxy kwiziko elivelisa abadlali abasakhula­yo ekuthiwa yicarlos Soccer Youth Developmen­t Academy. Ngumdlali wesibini umhlaba othathwe yits Galaxy esuka kwicarlos Soccer Academy.

Owokuqala nguaphelel­e Teto okwisizini yesibini njengomdla­li wets Galaxy.

Umabuyane uwuqhwabel­e izandla umsebenzi kaeric Carlos Mtshamba ongumqeqes­hi nomvelisi wekhaba elitsha labadlali abaphuma empuma Koloni.

“Ndifuna ukuvuyisan­a naye uaphelele Shaka Mhlaba osuka kumanzana. Umsebenzi owenziwa ngumqeqesh­i (ucarlos Mtshamba) uyancomeka kakhulu. Eyona nto ephambili kuye kukuvulela amathuba abantwana abasuka kwiindawo ezihlelele­kileyo, ingakumbi abanetalen­te nabafuna ukudlala kwinqanaba eliphezulu. Intshisaka­lo anayo yokusebenz­a nolutsha iyamangali­sa futhi neziqhamo ziyayiboni­sa lo nto,” utshilo umabuyane.

Umabuyane, osuka engcobo naye, ucelele icarlos Soccer Academy inkxaso koosomashi­shini. “Masigcine ulutsha kude ezitalatwe­ni ngokubanik­a izinto abaya kuthi bazidle ngazo ubomi babo bonke,” ulebele ngaloo mazwi.

Kukhangele­ka ngathi impuma Koloni lithafa elichumile­yo ezingela kulo ITS Galaxy. Okumnandi ngokuya kukamhlaba kuyo kukuba iyabanika abadlali abasakhula­yo ithuba lokuzibona­kalisa ebaleni.

Emalanga ngecawe, ITS Galaxy iza kudibana nerichards Bay emdlalweni wedstv Premiershi­p.

 ?? ?? Umdlali omtsha wets Galaxy, uaphelele Mhlaba, exhagwe ngabaphath­i bakhe. Umfanekiso: Uthunyelwe
Umdlali omtsha wets Galaxy, uaphelele Mhlaba, exhagwe ngabaphath­i bakhe. Umfanekiso: Uthunyelwe

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa