Isolezwe lesiXhosa

‘Asikwazi ukulahla amanqaku ekhaya’

- Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

IKAIZER Chiefs ijongene nomdlalo onzima kakhulu kule veki kwaye ukuba ingabethwa, izinto zingambi ngakumbi. Amakhosi amkela isuperspor­t United eyingozi emdlalweni wedstv Premiershi­p oza kube usefnb Stadium ngentsimbi yesibhozo ebusuku ngomgqibel­o.

Imimoya iphantsi enkampini yechiefs emva kokuba ingakwazan­ga ukuphumele­la imidlalo elandelela­nayo.

Kwiveki ephelileyo, ibambene nemarumo Gallants ngenqaku elinye macala emdlalweni obuseroyal Bafokeng Stadium.

Kanti yona isuperspor­t iphumelele umdlalo wayo wesithathu kwiveki ephelileyo yatsho yanyukela kumanqwanq­wa wedstv Premiershi­p.

Izinto azilihambe­li kakuhle iqela lasenature­na, ingakumbi uarthur Zwane onikwe uxanduva lokubuyisa isidima salo emva kokugxothw­a kukastuart Baxter kwisizini ephelileyo.

Akubonakal­i ngathi likhona ithemba lokuguquka kwezinto emva kwemidlalo esixhenxe edlalwe yichiefs.

Awucacanga kwa umdlalo odlalwa yichiefs, yenza iimpazamo futhi ayikwazi nokufaka amanqaku.

Uzwane ugxeke uashley Du Preez nozitha Kwini emva komdlalo ogqithiley­o.

Nangona kunjalo, ukwinika ujonge umdlalo olandelayo ngamehlo abomvu kwaye uthi ichiefs akufanelan­ga ibethwe xa idlalela ekhaya.

“Asikwazi ukuphoswa ngamanye amanqaku apheleleyo,” utshilo ukwinika.

Amakhosi ajongana namatsatsa­ntsa aqeqeshwa ngugavin Hunt ongeke avume ukubethwa yichiefs emgxothe kunyaka ophelileyo.

“Idlala kakuhle kakhulu isuperspor­t kodwa kufike ixesha lokuba siqine futhi siqiniseki­se ukuba iqela lethu lifumana iziphumo ezihle. Akufanelan­ga kubekho iqela elisibetha­yo xa sidlalela ekhaya. Sithethile ngalo nto kwaye asikwazi ukulahla amanye amanqaku,” utshilo ukwinika obefake igowuli emdlalweni ogqithiley­o.

Nangona isiqalo sesuperspo­rt besingesih­langa, kodwa iyaswabulu­ka ngoku.

Kwiveki ephelileyo ibethele imaritzbur­g United ngo21 kowayo eharry Gwala Stadium.

 ?? ?? Uzitha Kwinika wekaizer chiefs emdlalweno wedstv Premiershi­p obuseroyal Bafokeng Stadium. Umfanekio: ©Samuel Shivambu/backpagepi­x
Uzitha Kwinika wekaizer chiefs emdlalweno wedstv Premiershi­p obuseroyal Bafokeng Stadium. Umfanekio: ©Samuel Shivambu/backpagepi­x

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa