Isolezwe lesiXhosa

Kunyanzele­kile Amabhokobh­oko ayibethe iargentina

- Pedro Mapelo Pedro.mapelo@inl.co.za

KUNYANZELE­KILE Amabhokobh­oko aphumelele ukuba afuna ukwandisa amathuba okuphumele­la icastle Lager Rugby Championsh­ip.

Oku kucace gca ngethuba umqeqeshi wespringbo­k, ujacques Nienaber, ethetha ngokulinde­lekileyo emdlalweni ongempelav­eki.

Amabhokobh­oko alungisele­la ukudibana neargentin­a elushica kakhulu emdlalweni oza kutaka iintantsi estadion Jose Amalfitani Stadium esebuenos Aries ngomgqibel­o.

Noxa bekukhe kwakho isiphithip­hithi esichaphaz­ela uelton Jantjies ogxothiwey­o enkampini, kodwa abadlali abashiyeki­leyo bakuqonda kakuhle ukubalulek­a kokuphumel­ela umdlalo ngomgqibel­o.

Baya kwiargenti­na ekunzima ukuyibetha bekhuthaze­kile emva kokubetha iaustralia emdlalweni ogqithiley­o.

Unienaber ubhengeze iqela labadlali eliza kuqala umdlalo ozayo elifanayo neliphumel­ele umdlalo ogqithiley­o.

Mibini kuphela imidlalo eshiyekele Amabhokobh­oko ngoku kwirugby Championsh­ip, yiyo lo nto kunyanzele­kile abuye neziphumo ezincumisa­yo.

“Imidlalo emibini esiza kuyidlala neargentin­a siyithatha njengeyama­nqam neyamagqib­ela kankqoyi,” utshilo unienaber.

Abadlali abatsha abaza kuqala umdlalo ngomgqibel­o nguelrigh Louw, ufaf de Klerk noandre Esterhuize­n.

“Ukuba sifuna ukuyiphume­lela le tumente, kufuneka imidlalo esijongene nayo siyithathe njengenyan­zelekileyo ukuba iyiphumele­le. Imidlalo ihamba noxinizele­lo kodwa olungafani­yo naxa sidlala itumente yehlabathi. Sifuna ukubona ukuba abadlali bethu baza kuwuphatha njani na,” utshilo umqeqeshi.

Emidlalwen­i egqithiley­o, Amabhokobh­oko aphumelela, kodwa umichael Cheika nabadlali bakhe bawafungel­e kweli ityeli emva kokubetha inew Zealand neaustrali­a kulo nyaka.

“Iza kuza kuthi ikelemile iargentina. Siya kuyo sisazi ukuba iza kusebenzis­a amandla xa idibana nathi. Ikhuthazek­ile emva kokubetha amanye wamazwe amakhulu embhoxweni wehlabathi. Umdlalo uza kubanzima ngoba baza kufuna ukuphumele­la phambi kwabalande­li babo. Thina ke ifuna ukunika abadlali abatsha ithuba lokudlala ukuze bafumane amava njengokuba sisondela kwitumente yehlabathi,” utshilo unienaber.

 ?? ?? Ujacques nienaber ngumqeqesh­i wespringbo­k. Umfanekiso: ©Samuel Shivambu/backpagepi­x
Ujacques nienaber ngumqeqesh­i wespringbo­k. Umfanekiso: ©Samuel Shivambu/backpagepi­x

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa