Isolezwe lesiXhosa

Uwongwe ngenxa yokubalase­la utitshala wesixhosa

- SIM FREDDIE SIMPHIWE.FREDDIE@INL.CO.ZA

USUKU lwehlabath­i lootitshal­a (World Teacher's Day) olubhiyoze­lwa unyaka nonyaka rhoqo ngomhla wesihlanu kweyedwarh­a, yimini yokuqaqamb­isa nokuncoma igalelo elibalulek­ileyo ootitshala abalwenza kwimfundo nakuphuhli­so ehlabathin­i jikelele.

Yiloo misebenzi ebangele utitshala wolwimi lwesixhosa, kwisikolo samabanga aphakamile­yo iholy Cross Senior Secondary, uyamkela Ntwalana, awongwe njengotits­hala ophume kwindawo yokuqala kootitshal­a abafundisa esinaleni ephondweni.

Untwalana, 30, uwongwe ngembasa yeexcellen­ce in

Secondary School Teaching kumawonga kazwelonke ootitshala (2022 National Teaching Awards) abebanjelw­e emonti kwiveki ephelileyo.

Le titshala, ekwangumbh­ali owaziwayo weencwadi zesixhosa, ithi kolu khuphiswan­o kukhangelw­a utitshala obalaseley­o kwisikolo ngasinye. Loo titshala uye azithengis­e ngemiseben­zi yakhe ebalaseley­o ayenza esikolweni.

“Ndibe nethamsanq­a ke ndaba ngomnye wabo titshala abathi bonyulwa, ndaze ndaziqaqam­bisa ngaloo misebenzi ndiyenzayo kwezemfund­o. Bendikhuph­isana kunye nootitshal­a abafundisa esinaleni (Secondary School Teaching). Ndiphumele­le indawo yokuqala apha ephondweni kweli candelo,” untwalana ubalisele I'solezwe lesixhosa.

Uthi iimpawu ebezijongw­a kolu khuphiswan­o zezokuba ungutitsha­la onjani, ofundisa njani, osebenzisa­na njani nabanye ootitshala kunye nabafundi.

“Kufuneka ke uzixhasile ngokubonwa­yo nangokwenz­a intetho, uzithengis­e ngeyona ndlela, uveze nobungqina boko ukuthethay­o,” kutsho le nzwana yakwalindi­le emthatha.

Untwalana uqale ukufundisa ngo2014 esikwayini JSS kuqumbu. Ngo2015 wafundisa ekhanyisa High School emthatha nekwasisik­olo awafunda kuso. Waze ngo2016 waqeshwa eholy Cross High (Blue) ekhokelwe yinqununu umnu. Madikizela.

“Ndingutits­hala ofundisa ulwimi lwesixhosa nothanda ukukhulisa abantwana ngokwezakh­ono zabo. Eyona nto ndiyithand­ayo ke apha ekufundise­ni kukusebenz­a ngabantwan­a abasuka kumakhaya ahlukeneny­o neziphiwo ezahlukane­yo. Loo nto iyandikhul­isa nam njengotits­hala kuba kuninzi kakhulu okulele ebantwanen­i,” kutsho lo mbhali wenoveli yesixhosa ethi Intlungu Yevezandle­be.

Xa engekho sesikolwen­i, untwalana uqhagamshe­lana nabafundi bakhe esebenzisa amakhasi onxibelelw­ano afana newhatsapp. Apho abaxoxi ngomsebenz­i kuphela, kodwa nangeengxa­ki abantwana bakhe abahlangab­ezana nazo kubomi bemihla ngemihla.

“Ndingutits­hala ofikelelek­ayo ebantwanen­i, ndingumhlo­bo omkhulu wabo, intwana Ndibenza abafundi bakhululek­e xa bekunye nam, bazive bekhuselek­ile kwaye bethandwa. Ndidlala indima yobuzali kakhulu kubo,” kutsho le titshala.

Uthi ukuze umsebenzi wakhe ube khaphukhap­hu usebenzisa­na nabaphathi besikolo, ootitshala, ukucwangci­sa umsebenzi wakhe kwangethub­a kwaye alandele nemiqathan­go yebhunga lootitshal­a (SACE).

“Owona mvuzo endingatha­nda ukuwuzuza ekupheleni kosuku njengotits­hala kukubona umntwana omnyama ekhulile, echubekile, ephumelela de abe yile nto anqwenela ukuba yiyo ebomini. Ikati isuke eziko ndibe ndiyinxale­nye yoko,” kutsho untwalana.

Ukanti ngomvulo kule veki, untwalana uye waya kukhuphisa­na nabaphumel­ele emaphondwe­ni kumlenze kazwelonke wala mawonga. Abaphumele­leyo kwesi sigaba bakubhenge­zwa ngomhla wama20 kweyedwarh­a.

 ?? ?? Utitshala waseholy Cross S.S.S. uyamkela Ntwalana ophumelele imbasa njengotits­hala obalaseley­o kumawonga ootitshala emonti UMFANEKISO: UTHUNYELWE
Utitshala waseholy Cross S.S.S. uyamkela Ntwalana ophumelele imbasa njengotits­hala obalaseley­o kumawonga ootitshala emonti UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa