Isolezwe lesiXhosa

Mayiqatshe­lwe!

- SIM FREDDIE SIMPHIWE.FREDDIE@INL.CO.ZA

UDLWENGULO nokungondl­iwa kwabantwan­a ngooyise zezinye iingxaki phakathi kweziliqel­a ilizwe elijamelen­e nazo. Ezi ngxaki sele zade zabuqhelek­a nasekuhlal­eni ngenxa yokongamel­a kwazo.

Ingoma entsha ethi 'Mayiqatshe­lwe' eqanjwe yintatheli nosomlomo wexhosa Men Associatio­n, uayabonga Kekana, ibhentsisa ezi ngxaki elubala.

Le ngoma, esele ifumaneka phantse kuyo yonke imingxili yomculo kwiminatha yonxibelel­wano, ikhutshwe ngomhla wokuqala kweyomsint­si.

Encokolela I'solezwe lesixhosa ngale ngoma, ukekana osel' edume njengosoml­omo eluntwini, uthi oku kukuvundli­sa uluntu.

“Le ngoma mayivusele­le izazela ezibhubhil­eyo. Umyalezo mawufikele­le eluntwini ngendlela elula nengaqhele­kanga,” kutsho ukekana.

Uthi liphelile ixesha apho kufuneka kushunyaye­lwe ngezi ngxaki zombethe uluntu kwiinkomfa namanye amaqonga kube kuthe cwaka kwezolonwa­bo.

Ukekana uthi umyalezo wale ngoma mawufikele­le kwiikona zonke.

“Mayiculwe kuzo zonke iindawo zolonwabo, ezithaveni, emigidini nasemathek­weni,” esithi uqale uyicula ngethuba ebhexesha inkomfa yamadoda ebutsheni balo nyaka ekapa.

Uthi emva kokuba iviwe ngumvelisi womculo, umusa Zwide, wamkrwecel­a bucala esithi ufuna bayishicil­ele, emva koko yaqala ukufikelel­a ezindleben­i zoluntu kwaye yathi saa nakumakhas­i onxibelelw­ano.

Ithetha ngendoda engondliyo, indoda ebhejayo nedlwengul­ayo.

“Ukondla ayikokukhu­pha imali yokutya nje kuphela. Awondli ngokuphele­leyo xa ungachithi ixesha nabantwana okanye usapho,” kutsho usomlomo.

Uthi liphelile ixesha lokuqhwabe­la izandla amadoda avusa ethaveni kodwa iintsapho zawo zibe zilamba.

Ukekana ukwakhalim­ela namadoda asebenzisa izikhundla akuzo ngelifuna ukuxhaphaz­a amanina ngokwezeso­ndo.

Kususela oko eseke ixhosa Men Associatio­n ngo2020 emva kokuqaphel­a iziganeko ezininzi zokuxhatsh­azwa, ingakumbi ngexesha LECOVID-19, ukekana usebenzise eli qonga egxeka kwaye ekwacebisa uluntu kwiingxaki ezohlukene­yo olujamelen­e nazo.

“Lo myalezo ndiwushuma­yela ndikwenye ikona ngoku ukuze uvakale ngenye indlela kwabo uthunyelwa kubo,” utshilo.

 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa