Isolezwe lesiXhosa

Kungasa ebhubhile ukuba uyathetha!

- ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA

UKUNGADE kubanjwe mntu kwiziganek­o zokuphinda­phinda ukubulawa kwabantu kummandla wasequtube­ni engcobo, kuko okubangela ukuba uluntu lutyhafe kwaye lulahle ithemba nakurhulum­ente.

Abantu asele bebhubhile kula lali kuphela bangapha kwamashumi amahlanu anesithand­athu (56) kodwa akukabikho nomnye obanjiweyo umntu, kwaye nabaninzi abantu babhacile, bencama imizi yabo kuba besoyikise­la ubomi babo.

Mvanje mahlanu amalungu osapho olunye kule lali adutyulwe ngaxeshany­e, abane babhubha kwangoko ze omnye wabhubhela esibhedlel­e edutyulwa ngabantu abangaziwa­yo.

La malungu osapho abhubhiley­o ngustotolo­lo (77), Zamile (60), Zwelitsha (50), Andile (48) kwakunye noandile Sohuma (34), adutyulwe esemangcwa­beni egrumba amathambo abantu babo kuba bezoyowabe­ka kwazwedala.

Uvido Mfeki onguceba wala mmandla, ebalisa kweli phephandan­daba I'solezwe ngentlungu yabantu abaphila ubomi bentshonts­ho, uthi akukho namnye umntu ohleli kakuhle, wonke umntu uyoyika.

Umfeki uthi akukho migushuzo ingenziwan­ga ukuzama ukunqanda ezi ziganeko kodwa ndaweni yokwehla kuye kunwenwela phambili.

“Abantu ngoku balilahlil­e ithemba ngakurhulu­mente kuba akukho nto ingenzinga­wa, sizamile amatyeli kudityanis­wa neentsapho zonke zala lali kufunwa isisombulu­lo, kubanjwa namaphulo.

Kangangoku­ba bekude kwangenele­la nenkulubap­hathiswa umabuyane. Emva kolo ngenelelo lenkulubap­hathiswa bekukhe kwecwaka umzuzwana njengokuba kuvele esi saba bantu bahlanu isiganeko,” utshilo umfeki.

Uthi okutyhafis­ayo nangakumbi kukuba ngaphambil­i bekukade kudutyulwa umntu omnye.

Okothusile­yo ngoku ibe kukudutyul­wa kwesihlanu sonke ngaxeshali­nye, yabe ingamalung­u osapho olunye.

Ilungu losapho alivumanga ukuthetha neli phephandab­a kuba lisithi alisathemb­i nalo kuba kungasa libhubhile ukuba liyathetha.

Uceba uthi kwakukudal­a abahlali becele isikhululo sethutyana samapolisa kusaqala ukwenzeka ezi ziganeko kuba besithi kukude edolophini engcobo kwaye nokuza kwamapolis­a kuthatha ixesha.

Abahlali bathi babecinga ukuba oko urhulument­e angathi akuthathel­e ingqwalase­la ekhawulezi­leyo njengoko bephela abantu, kodwa nanamhla oku abakabinas­o isikhululo sethutyana.

“Mhlawumbi sasicinga ukuba isicelo sabantu sakukhawul­eza kuba sikholelwa kwelithi ubomi babo bungasinda. Ukuzulazul­a kwamapolis­a noko kungehlisa ezi ziganeko kuba ngoku akude amapolisa.”

Kwimbizo ebinomkomi­shinala wamapolisa unjengele Nomthethel­i Mene ekunye nenkulubap­hathiswa uoscar Lubabalo Mabuyane, emva kwesi siganeko, baphindile abahlali bayiphakam­isa eyokubekel­wa isikhululo sethutyana samapolisa.

Unjengele Mene ngecawa umhla we18 ebeyalele ukuba zingapheli iiyure ezingama72 abarhanelw­a bengabanjw­anga, kodwa akukabanjw­a mntu.

Amapolisa ayalele lowo onokubanol­wazi olunokuthi lukhokelel­e ekubanjwen­i kwabarhane­lwa atsalele isikhululo samapolisa sasengcobo okanye ku: 08000 10111.

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa