Kungasa ebhubhile ukuba uyathetha!
UKUNGADE kubanjwe mntu kwiziganeko zokuphindaphinda ukubulawa kwabantu kummandla wasequtubeni engcobo, kuko okubangela ukuba uluntu lutyhafe kwaye lulahle ithemba nakurhulumente.
Abantu asele bebhubhile kula lali kuphela bangapha kwamashumi amahlanu anesithandathu (56) kodwa akukabikho nomnye obanjiweyo umntu, kwaye nabaninzi abantu babhacile, bencama imizi yabo kuba besoyikisela ubomi babo.
Mvanje mahlanu amalungu osapho olunye kule lali adutyulwe ngaxeshanye, abane babhubha kwangoko ze omnye wabhubhela esibhedlele edutyulwa ngabantu abangaziwayo.
La malungu osapho abhubhileyo ngustotololo (77), Zamile (60), Zwelitsha (50), Andile (48) kwakunye noandile Sohuma (34), adutyulwe esemangcwabeni egrumba amathambo abantu babo kuba bezoyowabeka kwazwedala.
Uvido Mfeki onguceba wala mmandla, ebalisa kweli phephandandaba I'solezwe ngentlungu yabantu abaphila ubomi bentshontsho, uthi akukho namnye umntu ohleli kakuhle, wonke umntu uyoyika.
Umfeki uthi akukho migushuzo ingenziwanga ukuzama ukunqanda ezi ziganeko kodwa ndaweni yokwehla kuye kunwenwela phambili.
“Abantu ngoku balilahlile ithemba ngakurhulumente kuba akukho nto ingenzingawa, sizamile amatyeli kudityaniswa neentsapho zonke zala lali kufunwa isisombululo, kubanjwa namaphulo.
Kangangokuba bekude kwangenelela nenkulubaphathiswa umabuyane. Emva kolo ngenelelo lenkulubaphathiswa bekukhe kwecwaka umzuzwana njengokuba kuvele esi saba bantu bahlanu isiganeko,” utshilo umfeki.
Uthi okutyhafisayo nangakumbi kukuba ngaphambili bekukade kudutyulwa umntu omnye.
Okothusileyo ngoku ibe kukudutyulwa kwesihlanu sonke ngaxeshalinye, yabe ingamalungu osapho olunye.
Ilungu losapho alivumanga ukuthetha neli phephandaba kuba lisithi alisathembi nalo kuba kungasa libhubhile ukuba liyathetha.
Uceba uthi kwakukudala abahlali becele isikhululo sethutyana samapolisa kusaqala ukwenzeka ezi ziganeko kuba besithi kukude edolophini engcobo kwaye nokuza kwamapolisa kuthatha ixesha.
Abahlali bathi babecinga ukuba oko urhulumente angathi akuthathele ingqwalasela ekhawulezileyo njengoko bephela abantu, kodwa nanamhla oku abakabinaso isikhululo sethutyana.
“Mhlawumbi sasicinga ukuba isicelo sabantu sakukhawuleza kuba sikholelwa kwelithi ubomi babo bungasinda. Ukuzulazula kwamapolisa noko kungehlisa ezi ziganeko kuba ngoku akude amapolisa.”
Kwimbizo ebinomkomishinala wamapolisa unjengele Nomthetheli Mene ekunye nenkulubaphathiswa uoscar Lubabalo Mabuyane, emva kwesi siganeko, baphindile abahlali bayiphakamisa eyokubekelwa isikhululo sethutyana samapolisa.
Unjengele Mene ngecawa umhla we18 ebeyalele ukuba zingapheli iiyure ezingama72 abarhanelwa bengabanjwanga, kodwa akukabanjwa mntu.
Amapolisa ayalele lowo onokubanolwazi olunokuthi lukhokelele ekubanjweni kwabarhanelwa atsalele isikhululo samapolisa sasengcobo okanye ku: 08000 10111.