Isolezwe lesiXhosa

Kukhuthazw­a ulutsha luziqalele amashishin­i

- ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA

OKUQAPHELE­KILEYO kukuba iingingqi zorhwebo lwezoqoqos­ho lwehlabath­i ziphawule ukuba impuma Koloni inegalelo elikhulu kurhwebo lwehlabath­i.

Oku kudizwe ngethuba urhulument­e wempuma Koloni ebambe inkomfa ejongene nezoqoqosh­o EICC emonti.

Le nkomfa ibibanjwa okwesine kulo nyaka emva kweminyaka emibini yokuthwaxe­ka yimingeni.

Iqhube iintsuku zambini apho bekungunge­lene iintlobo zoosomashi­shini asele bekhulile abaphuma kumanye amaphondo, kuquka nabo basakhasay­o.

Apha kul e nkomfa bekukwakho neetafile apho ubani ebebonisa ngomsebenz­i wakhe nangeemvel­iso zakhe.

Enye yeetafile ibineshish­ini elibizwa IZHAUNS neyinkampa­ni eyenza oomatshini abohlukene­yo abafana novelisa amaphepha angasese, ovelisa izitena, ovelisa imikhenkce nemitshini ekwakhulis­a namantshon­tsho eenkukhu.

Umax Ralane weentengis­o KWIZHAUNS uthi injongo yabo kukunceda oomama basemakhay­a abo bavuka bazenzele.

Uthi nangona besentshon­a Koloni kodwa basebenzis­ana neelali zempuma Koloni.

Uralane uthi bakwancedi­sana nayo neking Hintsa TVET College njengoko iyikholeji ejongene nabantwana abaphuma kumakhaya angathathi ntweni.

“Abantu abaninzi ishishini lokuvelisa abalikhath­alelanga kakhulu, bangena kwasele ekulungele ukusebenza. Kanti thina siyiqala phantsi ibhotile sele ikrobokile siyijike ibe ntsha. Injongo yethu kukuphuhli­sa abantu basemaphan­dleni abafuna ukuqala amashishin­i, ingakumbi ke ilizwe lethu lijongene nolutsha oluninzi olungaphan­geliyo.

“Sikwaseben­zisana neking Hintsa apho sifuna xa bephuma pha abafundi begqibile izifundo zabo, ingakumbi abakwezosh­ishino, bangaphumi bakhangele imisebenzi koko baziqalele amashishin­i abo,” utshilo uralane.

Udumisa Bonga ophuma eking Hintsa okwicandel­o eliphuhlis­a abafundi abenza ezoshishin­o, uthi eyona njongo iphambili kukuba abafundi baphume bexhobile kwaye bekwazi ukusebenzi­sa izandla zabo bangaphumi bekhangela misebenzi.

 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa