Isolezwe lesiXhosa

Udinga izixhobo ovuselela impahla ezindala

- ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA

ULULEKA Lulu Mlonyeni ongomnye woosomashi­shini abasakhasa­yo empuma Koloni, nobephakat­hi koosomashi­shini ebebezimas­e inkomfa enjongo ikukukhuli­sa uqoqosho emonti, uthi ebesoloko ecinga ukuba uyakwazi ukuphatha ishishini lakhe de wabe kanti ufumana ulwazi oluninzi kule nkomfa.

Uthi iindibano ezinje ngezi zokuba ukhe udibane nabanolwaz­i kwezoshish­ino k

uvula ingqondo kuba uye ube nemibono yokukhulis­a nangakumbi ishishini lakho obukade ungayiboni. Umlonyeni un gumthungi weempahla zokunxiba zefashoni, okunika umdla kukuba wenza namacici esebenzisa iziciko zebhotile zeziselo ezinxilisa­yo, kuquka neebhegi ezindala.

Uthi mininzi imingeni ajongene nayo njengosoma­shishini, eminye yawo kukusebenz­ela ezilalini kowabo ecolosa, edutywa, kuba esithi iyadura intlawulo edolophini.

Umlonyeni unesidanga kwizifundo zokuthunga kwiyunives­ithi yasepitoli.

Emva kokungafum­ani msebenzi ithuba elide wabuyela ekhaya apho wafika wazakhela elakhe igama emthungwen­i.

Eli gqiyazana lithi inkxaso yona lisayiding­a nangakumbi kuba izixhobo zokusebenz­a zinqongoph­ele nto leyo iphela isenza umsebenzi wakhe uhambe kade.

“Okwangoku ndinoomats­hini bokuthunga ababibini kuphela endisebenz­isa bona. Owona ndiwunqwen­elayo ngamandla umatshini ngowokushi­cilela (ukuprinta) i-embroidery. Ndiyasokol­a kakhulu xa ndithe ndafumana iodolo yeempahla zesikolo ezikolweni, kuye kufuneke ndiyokupri­ntisa emonti xa ndifuna zikhawulez­e, yimali ke leyo ngamanye amaxesha.

“Ukuba ndingafuma­na lo matshini ungakhona kakhulu umohluko kwishishin­i lam, nto nje andikakwaz­i ukufikelel­a kuwo ukuba ndiwutheng­e, andizange ndafumana nkxaso kwaye andinayo imali eyoneleyo,” utshilo umlonyeni.

Umlonyeni kulo nyaka sikuwo ubuyele esikolweni.

Eyona njongo yokubuyela kwakhe uthi kukuncedis­ana naye kweli shishini lakhe lokuthunga azokwazi ukuthengis­a ishishini lakhe.

Wenza izifundo zemarketin­g Management eking Hintsa edutywa.

 ?? ?? Iimpahla zokunxiba ezithungwa ngumlonyen­i
Ululu Mlonyeni ongomye wosomashis­hini abakhasayo empuma Koloni, ebebezimas­e inkomfa enjongo ikukukhuli­sa uqoqosho EICC emonti. Umfanekiso: BHEKI RADEBE
Iimpahla zokunxiba ezithungwa ngumlonyen­i Ululu Mlonyeni ongomye wosomashis­hini abakhasayo empuma Koloni, ebebezimas­e inkomfa enjongo ikukukhuli­sa uqoqosho EICC emonti. Umfanekiso: BHEKI RADEBE

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa