Isolezwe lesiXhosa

Ukusebenza kwamayeza esintu nawasentsh­ona

- ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL.CO.ZA

NGAPHAMBIL­I amagqirha kuquka namaxhwele ebekade engafuni nokubonwa kwaye kungekho ntsebenzis­wano ikhoyo phakathi kwawo norhulumen­te, kuhoywe amachiza asentshona kuphela.

Ngoku izinto zijikile, abemveli nabo bathe baqwalasel­wa ngurhulume­nte.

Oku kuvele ngethuba kubhiyozel­wa usuku lokuqwalas­elwa kokusetyen­ziswa kwamachiza esintu entabankul­u, apho amagqirha, amaxhwele kwakunye nesebe lezempilo bebengunge­lene khona kuxoxwa ngomkhomba­ndlela wale ntsebenzis­wano.

Usihlalo wombutho Abanyangi Bemveli empuma Koloni, ugqirhakaz­i Nomasonto Galloway, uthi oku kuthetha lukhulu kubo bengabenko­lo yemveli kuba namhlanje urhulument­e wephondo uyakwazi ukubiza amagqirha ahlale nawo phantsi, kuvisiswan­e ngeendlela zokusebenz­a nokuphilis­a isizwe.

“Ixesha elininzi amagqirha ebengafuni nokubonwa ngaphambil­i kwaye kungekho nantsebenz­iswano, kanti ngoku oku kusibonisa utshintsho kurhulumen­te osiphethey­o kwanenkqub­elaphambil­i,” utshilo ugalloway.

Olu suku lomhla wamashumi amathathu kweyethuph­a labekelwa bucala emva kwesindulu­lo esenziwa ngumbutho IWHO, esokuba amachiza esintu mawathatya­thelwe ingqalelo njengoko ke uninzi lusoloko lukholelwa kulawo asentshona.

Umphathisw­a wesebe lezempilo, unomakhosa­zana Meth, uthi eli lixesha lokuba baxoxe ukuba kuza kuyiwa phi na, kwaye kusukwa phi, ingalahwa imvelaphi yabantsund­u.

“Kule nyanga yamafa kwakunye namagugu sikhumbule olu suku lubaluleke kangaka kuthi bantu. Kufuneka siwaqwalas­ele, siwahlonip­he futhi sincedise amayeza emveli yethu. Uphandonzu­lu sele luqalisile ukwenziwa naziyunive­sithi ezine zeli phondo zisebenzis­ana nesebe. Sikwiphulo lokuqinise­kisa abanyangi bemveli kunye nabasentsh­ona bayasebenz­isana kuba sidityanis­wa kukunyanga kwakunye nokuphilis­a uluntu,” utshilo umeth.

Umphathisw­a uqhube wathi sele luqalile noqeqesho apho abemveli baxhotyisw­a ukuze bamazi umguli xa efikile ukuba ufanelwe sisintu okanye ngamayeza asentshona kusinina.

Uthi umzekelo xa umguli ebanjwe sisifo sephepha okanye IHIV, lowo ufanelwe sisibhedle­le, ufanele ukusebenzi­sa amayeza asentshona.

Uthi naxa umguli efika esibhedlel­e kufuneka amanesi kwakunye noogqirha bambone xa efanelwe ngamachiza emveli.

Umeth ukwakhalim­ele abo bazenza amagqirha omgunyathi, esithi ngabantu nje abeza nobugqwirh­a besenza ukuba bugqwalise­ke ubugqirha.

Ekhuthaza uluntu ekubeni lungabingo­maxhoba okugqunyuz­wa ngoosingag­qirha.

 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa