Kubhaqwe imizimba emibini emthatha
Amapolisa asempuma Koloni abongoza uluntu lwasemthatha neziphaluka zalo ekubeni kuyokufaniswa imizimba yamadoda amabini abhaqwe ngomvulo kule veki inamanxeba.
Le mizimba ibhaqwe ithe gangalala kwibala eliphakathi kwasesidwadwa kwakunye nasezimbane Valley emva kwentsimbi yeshumi ebusuku.
Omnye umzimba ufunyenwe enxibe umntla wejezi omnyama kwakunye neblukhwe engenabala.
Logama owesibini umzimba ufunyenwe unxibe isikhindi sangezantsi kuphela eze ngasentla.
Amapolisa asemthatha abongoza intsebenziswano kubahlali malunga nomenzi wobubi kwaye nolahlekelwe sisihlobo ayokufanisa. Owona nobangela wokubulawa kwala madoda mabini awukaziwa usaphandwa kwaye akukabanjwa mntu.
Onokubanolwazi angatsalela iqela labecuphi kwezi nombolo-071 475 2058 //079 387 8267/ 08600 10111 okanye aye kwisikhululo esikufutshane naye.
Umkomishinala wamapolisa empuma Koloni unjengele Nomthetheli Mene uyalele ukuba kukhangelwe abarhanelwa zingaphelanga iiyure ezingama72.