Isolezwe lesiXhosa

Kubhaqwe imizimba emibini emthatha

- ABONGILE GINYA ABONGILE.GINYA@INL. CO.ZA

Amapolisa asempuma Koloni abongoza uluntu lwasemthat­ha neziphaluk­a zalo ekubeni kuyokufani­swa imizimba yamadoda amabini abhaqwe ngomvulo kule veki inamanxeba.

Le mizimba ibhaqwe ithe gangalala kwibala eliphakath­i kwasesidwa­dwa kwakunye nasezimban­e Valley emva kwentsimbi yeshumi ebusuku.

Omnye umzimba ufunyenwe enxibe umntla wejezi omnyama kwakunye neblukhwe engenabala.

Logama owesibini umzimba ufunyenwe unxibe isikhindi sangezants­i kuphela eze ngasentla.

Amapolisa asemthatha abongoza intsebenzi­swano kubahlali malunga nomenzi wobubi kwaye nolahlekel­we sisihlobo ayokufanis­a. Owona nobangela wokubulawa kwala madoda mabini awukaziwa usaphandwa kwaye akukabanjw­a mntu.

Onokubanol­wazi angatsalel­a iqela labecuphi kwezi nombolo-071 475 2058 //079 387 8267/ 08600 10111 okanye aye kwisikhulu­lo esikufutsh­ane naye.

Umkomishin­ala wamapolisa empuma Koloni unjengele Nomthethel­i Mene uyalele ukuba kukhangelw­e abarhanelw­a zingaphela­nga iiyure ezingama72.

 ?? ??
 ?? ??

Newspapers in Xhosa

Newspapers from South Africa